Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Iramncwa Nomfanekiso Walo

    Ngeliramncwa lokuqala kuboniswa iBandla lamaRoma, umanyano lwezonqulo olwambhethe igunya lolaulo lwasemhlabeni, elinegunya lokohlwaya bonke abaphikisana nalo. Umfanekiso weramncwa umele olunye umanyano lwezonqulo olwambhathiswe amagunya akwanjalo. Ukumiswa kwalomfanekiso ngumsebenzi weramncwa elikuvuka kwalo ngoxolo nangokubekekileyo kulenza umfanekiso ocacileyo weUnited States of America. Ufunyanwa apha ke umfanekiso wobuPopi. Akuba amabandla elizwe lethu, ngokumanyana ngeengongoma zeenkolo akholelwa kuzo ngokufanayo, eliphembhelela igunya lombuso ukuba linyanzelise umyalelo wawo lixhase nemimiselo yawo, iya kwandula ibe ke i-America yobuProtestante yanze umfanekiso wegunya leRoma. Liya kwandula ke ibandla lenyaniso lihlaselwe ngentshutshiso, njengoko kwa kunjalo kubantu bakaThixo bemihla yakudala.IL 343.1

    Iramncwa elineempondo ezifana nezemvana lenza “bonke, abancinane nabakhulu, abazizityebi nabangamahlwempu, abakhululekileyo nabangamakhoboka, ukuba baphaulwe esandleni sabo sokunene, nokuba kusemabunzini abo; nokuze kungabi kho mntu unako ukuthenga nokuthengisa, ingenguye lowo unophau, nokuba ligama leramncwa, nokuba linani legama lalo.” IsiTyhilelo 13: 16, 17. Olu lolophau esithi isigidimi sengelosi yesithathu sinike isiyalo saso ngalo. Luphau lwelokuqala iramncwa, okanye ubuPopi, kwaye ngako oko limelwe kukufunwa phakathi kweempau ezicacileyo zelogunya. Umprofeti uDanyeli waxela ukuba iBandla laseRoma, elifanekiswa ngophondo oluncinane, laliza kucamanga ukuwenza wambhi amathuba nomthetho (Danyeli 7: 25), ekubeni uPaulos ekulibizeni kwakhe wathi lingumntu wesoono (2 Tesalonika 2: 3, 4), owayeza kuziphakamisa ngaphezu koThixo. Kuphela kungokuguqula umthetho kaThixo obathi ubuPopi babanako ukuziphakamisa ngaphezu koThixo; nabanina ongawugcinayo umthetho ewuqonda ukuba uguqulwe ngoluhlobo uya kuba unikela imbheko egqithisileyo kwelogunya liyenzileyo loo nguqulelo.IL 343.2

    Umthetho wesine, elingileyo ukuwubeka bucala iRoma, ukuphela komthetho kwimiThetho eliShumi owalatha kuThixo njengomDali wamazulu nomhlaba, uze ke ngalendlela umahlule kubo bonke oothixo bobuxoki. ISabata yamiselwa ukukhumbhuza umsebenzi wendalo, ukuze ngako oko ikhokelele abantu kuThixo wenyaniso ophilileyo. Inyaniso yamandla akhe okudala ibalulwe kuzo iziBhalo njengobunqhina bokuba uThixo kaSirayeli ungaphezu kwezithixo zabahedeni. Ukuba iSabata yayihleli igciniwe, iingcamango neezimvo zomntu ngezazikhokelelwe kumEnzi wakhe njengoyena ufanelwe kukuhlonelwa nokunqulwa, kwaye ngekungazange kubekho mnquli wesithixo, okanye umntu othi akukhoThixo, nongelokholwa.IL 344.1

    Ummiselo owalatha kuThixo njengomDali ngumqondiso wegunya elimfaneleyo phezu kwazo zonke iziqu azidalileyo. Ukuguqulwa kweSabata kungumqondiso, okanye uphau, lwegunya leBandla laseRoma. Aabo bathi, bewaqonda amabango omthetho wesine, banyule ukugcina eyobuxoki endaweni yeSabata yenyaniso, ngalendlela banikela imbheko kwelogunya elilelokuphela elikuyalelayo oku.IL 344.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents