Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Inkcaso

    Ukuvakaliswa kwexesha elimisiweyo lokuza kukaKristu kwabiza inkcaso enkulu kwabaninzi beendidi zonke, ukususela kumfundisi omi eqongeni kuhle kuye kuyena mooni ungakhathaliyo nodela ubukho bezulu. Amazwi athi, “Akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa!” aviwa evela ngokufanayo kumfundisi ongumhanahanisi nomgxeki ophandle. Bazivala iindlebe zabo kwingcaciso evisisanayo necacileyo yalendima eyayinikwa ngaabo babe salatha ekupheleni kwamaxesha esiprofeto nakwimiqondiso uKristu ngokwakhe ayixelayo ngenxa engaphambhili njengemiqondiso yokubuya kwakhe.IL 324.1

    Abaninzi ababemthanda umSindisi bathi abachasananga nokushunyayelwa kokubuya kwakhe; bachase nje ixesha elimisiweyo. Iliso likaThixo elibona izinto zonke lazifunda iintliziyo zabo. Babengafuni ukuva ngoKristu esiza kuligweba ihlabathi ngobulungisa. Babengabakhonzi abangathembhekanga, imisebenzi yabo yayingayi kumelana nohlolo lukaThixo ogocagoca intliziyo, baza boyika ukuhlangana neNkosi yabo. NjengamaJuda ngexesha lokuza kokuqala kukaKristu, babengakulungelanga ukumhlangabeza uYesu. USatana nezithunywa zakhe baqhayisa benza intlekisa ngoKristu nezithunywa ezingcwele, ngenxa yokuba abantu abazibiza ngaye bemthanda kancinane kangaka ngangokuba bangabi nalulangazelelo lokubonakala kwakhe.IL 324.2

    Abalindi abangathembhekanga bakuthintela ukuqhuba komsebenzi kaThixo. Bakuba abantu bevuselelekile bebuza indlela yosindiso, aaba bakhokeli bathi gqada phakathi kwabo nenyaniso, bezama ukukuthuthuzela ukoyika kwabo ngokuligqwetha ilizwi likaThixo. Kulomsebenzi uSatana nabafundisi abangangcwalisekanga bamanyana, badanduluka besithi, Luxolo, luxolo, uThixo engathethanga xolo. Njenga- baFarisi ngexesha likaYesu, abaninzi baala ukungena ebukumkanini bamazulu ngokwabo, baza babathintela aabo bangenayo. Igazi lalemiphefumlo liya kubizwa esandleni sabo.IL 324.3

    Naphina apo isigidimi senyaniso sasivakaliswa khona, abona bathobekileyo nabazinikeleyo baba ngabokuqala ukusamkela. Aabo baziphengulula ngokwabo iziBhalo baba nokuzibona izicaciso eziqhelekileyo zeziprofeto ukunganqhinelani kwazo neliZwi likaThixo, kwaza naphina apho abantu bengakhohlisekanga yimizamo yabafundisi yokulubeka ngendlela engeyiyo balugqwethe ukholo, naphina apho banokuziphengulela ngokwabo iziBhalo, imfundiso yokuza kukaYesu yayifuna nje ukuthelekiswa neziBhalo ukuqinisekisa igunya layo elivela ezulwini.IL 325.1

    Abaninzi batshutshiswa ngabazalwana babo abangakholwayo. Ukuze babe nokuhlala ezindaweni zabo ebandleni, abanye bavuma ukuthi cwaka ngokusingisele kwelithembha labo, kodwa abanye baziva ukuba ukuthembheka kwabo kuThixo kuya balela ukuba bazifihle ezinyaniso abaphathiswe zona nguye. Ababanga mbalwa abasikwayo ebudlelaneni bebandla kunge ngasizathu simbhi ngaphandle kweso sokuvakalisa inkolo yabo ekuzeni kukaKristu. Ayexabiseke kakhulu kwaabo baluthwalayo ucikido lwenkolo yabo amazwi omprofeti athi, “Abazalwana benu abanithiyayo, abanigxothayo ngenxa yegama lam, bathi, Makazukiswe uYehova! koko eya kubonakalela uvuyo lwenu, bathi bona badane.” Isaya 66: 5. (Appleyard.)IL 325.2

    Izithunywa zikaThixo zazisilindele ngenyameko enzulu isiqhamo sesi siyalo. Akuba amabandla ephela esicekisile esi sigidimi, izithunywa zawafulathela ngosizi. Kodwa kwakukho emabandleni abaninzi ababe ngekavavanywa ngayo lenyaniso yokubuya kweNkosi. Abaninzi babe khohliswe ngamadoda abo, abafazi, abazali, okanye abantwana babo, benziwa ukuba bakholwe ukuba kusisoono nokuphula-phula nje kwizahlukaniso ezinjengezo zifundiswa ngabaLindi bokuza kwesibini kukaYesu. Izithunywa zayalelwa ukuba zilinde ngokuthembheka phezu kwalemiphefumlo; kwa kusekho okunye ukukhanya okwakuza kukhanya phezu kwayo okuvela etroneni kaThixo.IL 325.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents