Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    U-Nyana Odingiweyo

    Emva kokuzalwa kukaIsake uvuyo olukhulu olwabonakalaliswa nguAbraham noSara lwamenza uHagare waba nobukhwele kakhulu. Ulshmayeli wayefundiswe ngunina ukuba uya kusikelelwa ngokukodwa nguThixo, njengonyana kaAbraham, abe yindla-mafa yako oko kwakudingwe kuye. Wamdela uIsake, ngenxa yokuba ecinga ukuba kuthandwa yena kunaye. USara wasibona esisimo sibonakalaliswa nguIshmayeli kunyana wakhe ulsake, wachukumiseka kakhulu. Wamxelela uAbraham ngesimilo sokungabi nambheko kukalshmayeli kuye nakunyana wakhe uIsake, wathi kuye, “Mgxothe umkhonzazana nonyana wakhe; kuba unyana walomkhonzazana akayi kulidla ilifa ndawo nye nonyana wam ulsake.”IL 71.3

    UAbraham wakhathazeka kakhulu. UIshmayeli waye ngunyana wakhe, ethandeka kuye. Wayengathini na ukumgxotha? Wathandaza kuThixo ekuxakekeni kwakhe kuba waye ngayazi into amakayenze. UYehova wamxelela uAbraham, ngezithunywa zakhe, ukuba aliphula-phule izwi likaSara umkakhe, nokuba angakuvumeli ukumthanda kwakhe umntwana okanye uHagare, kumthintele ekwenzeni umnqweno kaSara. Kuba le yayi kuphela kwendlela awaye nokuyilandela ukubuyisela ulungelelwano nokonwaba elusatsheni lwakhe. UAbraham wafumana idinga elithuthuzelayo kwisithunywa, lokuba ulshmayeli, nakuba ahlulwe nendlu kayise, akayi kufa okanye ashiywe nguThixo ngokuba waye ngunyana kaAbraham. UThixo wadinga kananjalo ukumenza ulshmayeli uhlanga olukhulu.IL 72.1

    UAbraham wayenesimilo esibekekileyo nesobubele, esabonakalaliswa ekubongozeleni kwakhe ngomonde abantu baseSodom. UMoya wakhe owomeleleyo wakhathazeka kakhulu. Wayethobekile lusizi, zaza izimvo zakhe zobuzali zachukumiseka kakhulu xa wayemgxotha uHagare nonyana wakhe ulshmayeli ukuba babhadule njengabasemzini elizweni lolunye uhlanga.IL 72.2

    Ukuba uThixo waye sivumele isithembhu, nge engazange amyalele uAbraham ukuba amgxothe uHagare nonyana wakhe. Waye banika bonke isifundo ngalento, sokuba amalungelo nokonwaba kobomi bobudlelane bomtshato kufuneka kusoloko kuhlonelwe kukhuselwe, nokuba kude kwaba ngokubingelela okukhulu. USara waye ngowokuqala noyena mfazi wenene kaAbraham. Wayefanelwe, njengomfazi nonozala, kukuba namalungelo ekwakungekho wumbhi elusatsheni unako ukuwafumana. Waye yihlonele indoda yakhe, eyibiza ngokuthi yinkosi, kodwa waye nobukhwele bokuba hleze uthando lwayo ilwahlule phakathi kwakhe noHagare. UThixo akazange amkhalimele uSara ngalendlela athabatha yona. UAbraham wakhalinyelwa zizithunywa ngenxa yokungawathembhi amandla kaThixo, okwamkhokelela ekuthabatheni uHagare ukuba abe ngumfazi wakhe acinge ukuba idinga liya kuzaliswa ngaye.IL 72.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents