Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Kubhalelwe Izizukulwana Ezizayo

    Ukukrokra okufuthi kwamaSirayeli, nezohlwayo zomsindo kaThixo ngenxa yezikreqo zawo, embhalini engcwele zibhalelwe abantu bakaThixo ababeza kuhlala kamva emhlabeni, kodwa ngokungakumbhi ukuba zibe sisiyalo kwaabo baya kuphila kufuphi nexesha lokuphela. Kwa nezenzo zawo zentlonelo, inkuthalo nesisa ekuziseni kwawo iminikelo yawo yokuqhutywa yintliziyo kuMoses kubhalelwe ukunceda abantu bakaThixo. Umzekelo wawo ekulungiseleleni impahla yomnquba ngokuchwayita okunje ngumzekelo kubo bonke abakuthandayo ngenene ukunqula uThixo. Aabo bazixabisileyo iintsikelelo zobukho obungcwele bukaThixo, xa belungiselela indlu yokuze ahlangane nabo kuyo, bafanelwe kukubonakalalisa inyameko enkulu nozondelelo kulomsebenzi ungcwele ngokomlinganiselo wokuzixabisa kwabo iintsikelelo zasezulwini ngokungaphezu kwazo zonke izinto zokubonwabisa zalomhlaba. Bafanelwe kukuqonda ukuba balungiselela uThixo indlu.IL 135.2

    Kufanelekile ukuba isaakhiwo esilungiselelwa ngokukodwa uThixo ukuba ahlangane nabantu bakhe kuso silungiselelwe ngocoselelo — senziwe sonwabise, sicoceke, sifaneleke, kuba siza kungcwaliselwa uThixo sinikelwe kuye, acelwe ukuba ahlale kuloo ndlu ayenze ngcwele ngobukho bakhe obungcwele. Kufanele ukuba kunikelwe ngenkululeko okwaneleyo kuYehova okuya kuwufeza kakuhle umsebenzi, baze babe nako abasebenzi ukuthi, Ningabisazisa mrumo wumbhi.IL 135.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents