Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Imvumo-soono kaJudas

    UJudas wazaliswa kukuzohlwaya okukrakra nakukusidanela isenzo sakhe sobugxabuza sokungcatsha uYesu. Uthe akuba ekubona ukuphatheka kakubi okwa nyamezelwa ngumSindisi, woyisakala. Wayemthanda uYesu, kodwa ethanda imali ngaphezulu. Waye ngakhange acinge ukuba uYesu uya kuvumela ukuba abanjwe sesisihlwele asikhokelayo. Wayelindele ukuba uya kusebenza ummangaliso azihlangule kubo. Kodwa akuba esibona isihlwele esizaliswe ngumsindo egumbhini lokugweba, sinxanele igazi, waliva nzulu ityala lakhe; waza logama abaninzi babemmangalela ngamandla uYesu, uJudas watyhoboza waphumela esihlweleni apho, evuma ukuba woonile ngokunikela igazi elingenatyala. Wababuyisela ababingeleli imali ababemnike yona, wababongoza ukuba bamkhulule uYesu, evakalisa ukuba umsulwa mpela.IL 194.2

    Okwethutyana ukucaphuka nokudubeka kwabenza bathi cwaka ababingeleli. Babe ngangi abantu bangazi ukuba baqashe omnye waabo bathi bangabalandeli bakaYesu ukuba bamngcatshele ezandleni zabo. Ukumzingela kwabo njengesela uYesu nokumbambha kwabo ngasese, babefuna ukukufihla. Kodwa imvumo-soono kaJudas nenkangeleko yakhe yokuxhalaba kokuba netyala yabahlaza ababingeleli phambhi kwabantu, yabonakalalisa ukuba yintiyo eyabangela uku- ba bambambhe uYesu. Akuba uJudas edanduluka kakhulu evakalisa ukuba uYesu umsulwa, ababingeleli baphendula ngokuthi, “Iyinina kuthi loonto? Zibonele wena.” Mateyu 27: 4. UYesu waye semandleni abo, bezimisele ngoko ukuba bamgcine ngokuqinisekileyo. UJudas esindekile kukubandezeleka, wayilahla phantsi ezinyaweni zaabo babemqeshile imali awaye yicekisa ngoku, waza, esentlungwini nokoyika, wemka waya wazixhoma.IL 194.3

    UYesu waye nabaninzi abavelana naye kwiqela elalimngqongile, kwaza ukungayiphenduli kwakhe imibuzo emininzi eyabhekiswa kuye kwayimangalisa indimbhane. Phantsi kwako konke ukwenziwa intlekisa nokuphathwa ngamandla, akubangakho kusangana kobuso nakukhathazeka kubonakalayo ebusweni bakhe. Wayendilekile ezolile. Ababukeli bamkhangela bekhwankqisiwe. Basithelekisa isimo sakhe esigqibeleleyo nesindilekileyo kunye nenkangeleko yaabo ababe hlalele ukumgweba, baza bathi omnye komnye ukhangeleka ukuba ungukumkani kunaye nawuphina kubaphathi. Wayenge nazimpawu zokuba ungumooni. Iliso lakhe lalilulamile, litsolile, lingoyiki, ibunzi lakhe libanzi lilide. Yonke imbhonakalo yakhe yayiphaulwe ngokucacileyo bububele nokumila okubukekayo. Unyamezelo lwakhe nokuzeka kade umsindo kwa kungafani nokomntu ngangokuba abanye bathuthumele. NoHerode noPilato ngokwabo bakhathazeka kakhulu, yinkangeleko yakhe yobungangamsha obufana nobukaThixo.IL 195.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents