Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 53—Indawo Engcwele

    Esona sibhalo ngaphezu kwazo zonke esasisisiseko kwa nentsika esesazulwini senkolo yabaLindi sasi yimvakaliso ethi, “Koda kube kukuhlwa kusisa okungamawaka amabini anamakhulu amathathu; yandule ukulungiswa ingcwele.” Dan. 8: 14. La aye ngamazwi aqhelekileyo kuwo onke amakholwa ekuzeni okumsinya kweNkosi. Esi siprofeto sasiphinda-phindwa ngovuyo ngamawaka njengomnqele wokholo lwabo. Bonke babeziva ukuba kuxhomeke kwezi ziganeko zityhiliweyo apha ezona zinto zibukekayo bazilindeleyo nawona mathembha angawona bawondlayo. Lemihla yesiprofeto yayiboniswe ukuba iphele ekwindla ka-1844. Kunye nawo onke amanye amaKristu, abaLindi babekholelwa ekubeni umhlaba okanye isahlulo esithile somhlaba, siyindawo engcwele, nokuba ukulungiswa kwengcwele kukuhlanjululwa komhlaba ngemililo yomhla omkhulu wokugqibela. Oku ke babe kuqonda ukuba kuya kwenzeka ekufikeni kwesibini kukaKristu. Kungoko ke kwaba kho isigqibo sokuba uKristu uza kubuyela emhlabeni ngo-1844.IL 336.2

    Kodwa ixesha elimisiweyo lafika, yaza iNkosi ayafika. Amakholwa akwazi ukuba iliZwi likaThixo alinakuwa phantsi; inkcazelo yabo yesiprofeto ma ibe yiyo ephosakeleyo ; Kodwa sasiphi na ke isiphosiso? Abaninzi bakhauleza ukuliqhaula iqhina lobunzima ngokuphika ukuba imihla e-2300 iphele ngo-1844. Akukho sizathu sabekwayo sokuthabatha lendawo, ngaphandle kwesokuba uKristu akafikanga ngexesha ebelindelwe ngalo. Baxoxa ngokuthi ukuba imihla e-2300 yayiphela ngo-1844, uKristu ngewaye fikile ngoko ukuza kulungisa ingcwele ngokuwuhlambhulula umhlaba ngomlilo ; nokuba njengoko engezanga, lemihla ayinakuba iphelile.IL 336.3

    Nakuba uninzi lwabaLindi lwakushiyayo ukubala kwalo kokuqala kwamathuba eziprofeto, baza ngako oko babuphika ubunyaniso balentshukumo isekwe phezu kwako, abambalwa abavumanga ukuzishiya iingongoma zenkolo namava ezazixhaswa ziziBhalo nabubunqhina obubodwa boMoya kaThixo. Bakholwa ukuba bamkele iziseko ezomeleleyo zenguqulelo ekuziqwalaseleni kwabo iziBhalo, nokuba kuyimfanelo yabo ukubambhelela nkqi kwiinyaniso esezifunyenwe, baze ke bafunzele phambhili kwangalendlela yophengululo lweBaibile. Ngomthandazo onyamekileyo bayihlola indlela yokuma kwabo, baziqwalasela iziBhalo ukuba bafumane imposiso yabo. Bakuba bengafumani mposiso engcacisweni yabo yalamathuba esiprofeto, bakhokelelwa ekuwucikideni ngokucokisekileyo umcimbhi wengcwele.IL 337.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents