Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukuphuma ebuTshutshisini Ukuya ebuPostileni

    UPaulos wabaptizwa nguHananiya emlanjeni waseDamasko. Womelezwa emva koko ngokutya, wamshumeyela kwa oko uYesu kumakholwa esixekweni, kanye lawo wayesuke eJerusalem ngenjongo yokuza kuwatshabalalisa. Wafundisa nasezindlwini zesikhungu ukuba uYesu lowo wabulawayo waye nguNyana kaThixo ngenene. Iingxoxo zakhe awazikhupha eziprofetweni zaziqinisekile, nemizamo yakhe iphahlwe ngamandla kaThixo, ngangokuba amaJuda achasayo adideke angabi nako ukumphendula. Imfundo kaPaulos phantsi koo-rabi kwa neyobu-Farisi yayiza kusetyenziselwa ngoku okulungileyo ekushunyayelweni kweendaba ezilungileyo nasekuxhaseni umsebenzi lowo awayenze onke amalinge okuwutshabalalisa.IL 247.1

    AmaJuda akhwankqiswa mpela adideka yilenguquko kaPaulos. Ayelazi icala awaye lithabathile eJerusalem, eyazi neyona nto iphambhili awaye yizele eDamasko, nokuba wayegunyazisiwe ngumyalelo ovela kumbingeleli omkhulu ukuba ababambhe aabo bakholwa kuYesu abazise bekhonkxiwe eJerusalem; kanti ngoku bambona eshumayela iindaba ezilungileyo ezingoYesu, esomeleza aabo babe sebe ngabafundi bazo ehlala esenza amakholwa amatsha kulenkolo awayekhe wayichasa ngobushushu obungaka. UPaulos wabonisa kubo bonke abamvayo ukuba ukuyiguqula kwakhe inkolo yakhe kwakungabanga ngumvuka nje okanye inkolo yokuphambhana, kodwa kwenziwa bubunqhina obamoyisayo.IL 247.2

    Ekusebenzeni kwakhe ezindlwini zesikhungu ukholo lwakhe lwaya lusomelela; nobushushu bakhe ekuvakaliseni ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo baya bukhula naxa wayejongene nenkcaso eyoyikekayo yamaJuda. Akabanga nakuhlala thuba lide eDamasko, kuba emva kokuba amaJuda eqabukile ekukhwankqisweni kwawo yinguquko yakhe engummangaliso nayimisebenzi yakhe eyayilandelayo, abufulathela ngamandla amakhulu ubunqhina oboyisayo obabunikiwe bokuxhasa imfundiso kaKristu. Ukukhwankqiswa kwawo yinguquko kaPaulos kwaguqulwa kwaba yintiyo enkulu enjengaleyo bayibonakalalisa kuYesu.IL 247.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents