Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Bedanisiwe Kodwa Bengashiywanga

    Kodwa kwakhona babelindelwe kukudaniswa. Ixesha lokulinda ladlula, umSindisi wabo akabonakala. Ngenkoloseko engashukumiyo babekhangele phambhili ekuzeni kwakhe, ngoku baziva befana noMariya, owathi, akuba efike enchwabeni likaYesu walifumana lize, wadanduluka elila wathi, “Bayisusile iNkosi yam; andazi apho bayibeke khona.” Johane 20: 13.IL 333.3

    Uluvo loloyiko, uloyiko lokuba isigidimi singaba yinyaniso, lwathi okwexesha lwaba sisithintelo kwihlabathi elingakholwayo. Emva kokudlula kwexesha alwandulanga lwemka olu loyiko; babengekhe babavuyelele aba badanisiweyo, kodwa kuthe kwakuba kungabonakali mpau zomsindo kaThixo, baptielelwa kukoyika kwabo baqalisa izigculelo zabo nokuhlekisa. Iqela elininzi elalisithi liyakholwa ekuzeni okumsinya kweNkosi lalukhanyela ukholo lwalo. Abanye ababekholosile kakhulu benzakala ngokunzulu ekratshini labo ngangokuba bazive befuna ukusaaba bemke emhlabeni. NjengoYona bamkhalazela uThixo, banyula ukufa endaweni yobomi. Aabo babe luseke ukholo lwabo phezu kwezimvo zabanye, bengazibekanga phezu kweliZwi likaThixo, babe kulungele ngokiu kwakhona ukuziguqula izimvo zabo. Abagxeki babazuzela ababuthathaka nabangamagwala ezintlwini zabo, baza bonke bamanyana ekuvakaliseni ukuba akusekho loyiko lumbhi nakulindela ngoku. Ixesha lalidlule, iNkosi yayingafikanga, nehlabathi lalingahlala lihleli amawaka eminyaka.IL 333.4

    Amakholwa anyamekileyo, athembhekileyo ayenikele konke ngenxa kaKristu, aza abelana nabanye ngobukho bakhe ngokudlule okwangaphambhili. Ngoko kukholwa kwabo, babesivakalisile isigidimi sabo sokugqibela ehlabathini, baza, belindele ukwamkelelwa kamsinya ebudlelaneni beNkosi yabo engcwele nobezithunywa zezulu, bazahlula ngokubanzi esihlweleni esingakholwayo. Ngolangazelelo olunamandla babethandaza besithi, “Yiza, Nkosi Yesu, uze kamsinya!” Kodwa wayengezanga. Kwaza ngoku ke ukuthwala kwakhona imithwalo enzima neengxaki zobubomi, nokunyamezela izigculelo nokusinekelwa lihlabathi eligxekayo, kwaba kukucikidwa okoyikekayo kokholo nonyamezelo lwabo.IL 334.1

    Kanti oludaniso lwalungalingani nolo lwaviwa ngabafundi bakaYesu ngexesha lokuza kukaYesu kokuqala. Xa uYesu wayengena ngoloyiso eJerusalem ekhwele i-esile, abalandeli bakhe babekholwa ukuba uza kuhlala etroneni kaDavide amhlangule uSirayeli kubacudisi bakhe. Ngamathembha aphakamileyo nangolangazelelo lovuyo babangisana ngokunika imbheko kuKumkani wabo. Abaninzi bandlala iimpahla zabo njengokhuko endleleni yakhe, okanye baphosa amasebe esundu. Eluvuyweni lwabo olukhulu bamanyana kunye elumemezweni lovuyo, oluthi, “Hosana kuNyana kaDavide!”IL 334.2

    Bakuba abaFarisi, ngokukhathazeka nangomsindo yilendanduluko yokuvuya, bemcelile uYesu ukuba abakhalimele abafundi bakhe, waphendula wathi, “Kungathi kuthe cwaka aaba, kunkqangaze amatye la.” Luka 19: 20. Isiprofeto simelwe kukuzaliseka. Abafundi babephumeza injongo kaThixo; kanti noko babegwetyelwe udaniso olukrakra. Kwadlula nje iintsuku ezimbalwa ngaphambhi kokuba babonele ukufa okubuhlungu komSindisi bamlalise enchwabeni. Ababe kulindele akuzange kwenzeke nangendawana enye, aza amathembha abo afa kunye noYesu. Akubanga ngaphambhi kokuba iNkosi yabo ivukile yaphuma inoloyiso enchwabeni ukuze baqonde ukuba oku konke kwa kuxeliwe ngenxa engaphambhili ziziprofeto, nokuba “uKristu ubemelwe kukuva ubunzima, aze avuke kwabafileyo.” Zenzo 17: 3. Zazaliswa kwangendlela enjengale iziprofeto kwizigidimi zengelosi yokuqala neyesibini. Zazinikwe ngexesha elililo zawuphumeza umsebenzi uThixo awayelungiselele ukuba aphumeze wona ngazo.IL 335.1

    Ihlabathi lalikhangele, lilindele ukuba xa lithe ladlula ixesha akabonakala uKristu, lonke ulungiselelo lwabaLindi luya kulahlwa. Kodwa nangona abaninzi, phantsi kwesihendo esinamandla, baluyekayo ukholo Iwabo, kwaba kho aabo bemayo nkqi. Babe ngafumani siphoso ekubalweni kwamaxesha esiprofeto. Abona banobuchule kubachasi babo babe ngabanga nako ukukudiliza ukuma kwabo. Okunene kwa kukho imposiso ngesiganeko esilindelweyo, kodwa nako oku kwa kungenako ukulushukumisa ukholo lwabo eliZwini likaThixo.IL 335.2

    UThixo akabashiyanga abantu bakhe; uMoya wakhe wawusahleli naabo bangakukhanyelanga ngobutyhuthu-tyhuthu ukukhanya ababe kufumene, bayilahle intshukumo yabaLindi. UmPostile uPaulos, ekhangele phambili kuwo amaphakade, wayebhale amazwi okomeleza nawesiyalo kwaabo balingwayo nabalindileyo ngelixesha lalentlekele, athi: “Musani ukukulahla ngoko ukungafihlisi kwenu, kona kunokwamkela umvuzo omkhulu. Kuba kufuneka ukuba nibe nomonde, ukuze nithi, nakuba nikwenziie ukuthanda kukaThixo, nizuzane nalo idinga. Kuba kusaya kuba mzu- zwana mcinanana, athi lowo uzayo afike angalibali. Ke lowo ulilungisa uya kudla ubomi obuphuma elukholweni; ukuba ke uthe wahlehla, awuyi kukholiswa nguye umphefumlo wam. Ke thina asingabahlehla baye entshabalalweni ; singabokholo olusa ekuzuzeni umphefumlo.” Hebere 10: 35-39.IL 335.3

    Ekuphela kwendlela yabo ekhuselekileyo yayi yileyo yokondla ukukhanya ababe sebe kufumene kuThixo, babambhelele nkqi emadingeni akhe, bazingise ekuziphengululeni iziBhalo, bakulindele bakuphaphele ngonyamezelo ukwamkela ukukhanya okulandelayo.IL 336.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents