Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Amanzi Aphuma Eliweni

    Banduluka ukusuka entlango yaseSin, bafika bamisa iintente eRefidim, apho akwabakho manzi okuselwa ngabantu. “Babambhana abantu noMoses, bathi, Sinike amanzi, sisele. Wathi uMoses kubo, Yinina ukuba nibambhane nam? Yinina ukuba nimlinge uYehova? Banxanelwa amanzi apho abantu; abantu bamkrokrela uMoses, bathi, Yinina ukuba usinyuse siphume eJiputa, nosapho lwethu, nemfuyo yethu, uze kusibhubhisa ngenxano? UMoses wadanduluka kuYehova, esithi, Ndiya kubathinina aaba bantu? Se kukancinane ukuba bandixulube ngamatye.”IL 117.2

    “Wathi uYehova kuMoses, Gqithela phambhi kwabantu, uthabathe amadoda amakhulu akwaSirayeli abe nawe; uthi nentonga yakho, owawubetha ngayo umlambho, uyiphathe ngesandla sakho, uhambhe. Yabona ndiya kuma phambhi kwakho khona, phezu kweliwa eHorebe; uze ulibethe iliwa; kophuma amanzi kulo, basele abantu. Weenza lonto uMoses phambhi kwawo amadoda amakhulu akwaSirayeli. Wathi igama laloo ndawo yiMasa neMeriba, ngenxa yokubambhana koonyana bakaSirayeli, nangenxa yokumlinga kwabo uYehova, besithi, UYehova ukho na phakathi kwethu, akakho kusini na?”IL 117.3

    UYehova wabayalela oonyana bakaSirayeli ukuba bamise iintente kuyo loo ndawo, apho kwakungekho manzi, ukubalinga, ukuze abone ukuba baza kukhangela kuye na ekuxakekeni kwabo, okanye baza kukrokra njengokuba babenze njalo ngaphambhili. Ngenxa yooko uThixo waye benzele kona ekubakhululeni okungummangaliso, ngebabe thembhele kuye ekuxa- kekeni kwabo. Ngebabe kwazile ukuba akayi kuvumela ukuba batshabalale linxano, bona aabo waye badinge ngokubathabathela kuye babe ngabantu bakhe. Kodwa endaweni yokubongoza kuYehova ngokuzithoba ukuba abancede entswelweni yabo, bakrokrela uMoses, babiza amanzi kuye.IL 117.4

    UYehova waye soloko ewabonakalalisa amandla akhe ngendlela emangalisayo phambhi kwabo, ukubenza baqonde ukuba zonke iintsikelelo abazizuzayo zivela kuye; nokuba unokubanika okanye azibandeze, ngokwentando yakhe. Maxa wambhi babe kuqonda oku ngokupheleleyo, bazithobe kakhulu phambhi koYehova; kodwa bakuba benxaniwe okanye xa belambhile, bakuphosa konke oku kuMoses, ngokungathi babe yishiye iJiputa ngokukholisa yena. UMoses waba buhlungu ngoku kukrokra kwabo kukhohlakeleyo. Wabuza kuYehova ukuba enze ntonina, kuba abantu babe lungele ukumxuluba ngamatye. U-Yehova wamyalela ukuba aye alibethe iliwa ngentonga kaThixo. Ilifu lobuqaqauli lathi zinzi kanye phambhi kweliwa. “Walicanda iliwa entlango, wabaseza amanzi anzongonzongo kakhulu wavelisa imiqukuqela yamanzi engxondoreni, wahlisa amanzi njengemilambho.” Indumiso 78: 15, 16.IL 118.1

    UMoses walibetha iliwa, kodwa nguKristu owayemi ngakuye wabanga ukuba amanzi aphume eliweni elilukhuni. Abantu ekunxanweni kwabo bamlinga uYehova, bathi, Ukuba nguThixo osizise apha, kungani na ukuba angasiniki amanzi kwa kunye nesonka. U-ukuba lo waabonisa ukungakholwa okukhohlakeleyo wamenza uMoses woyikela ukuba uThixo uya kubohlwaya ngenxa yokukukrokra kwabo okukhohlakeleyo. UYehova waluvavanya ukholo lwabantu bakhe, kodwa abazange balumele uvavanyo. Bakrokrela ukudla namanzi, bakhalaza kuMoses. Ngenxa yokungakholwa kwabo, uThixo wavumela ukuba iintshaba zabo zenze imfazwe nabo, ukuze abonise ebantwini bakhe ukuba amandla abo avela phina.IL 118.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents