Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 3—Iziphumo Zovukelo

    Esazulwini somyezo, kufuphi nomthi wobomi, kwakumi umthi wokwazi okulungileyo nokubi. Lomthi wawenziwe ngokukodwa nguThixo ukuba ube sisiqinisekiso sentobelo, nokholo kwanothando lwabo kuye. Ngawo lomthi ke uThixo wabayalela abazali bethu bokuqala ukuba bangawudli, bangawuchukumisi, okanye baya kufa. Wabaxelela ukuba bangadla ngenkululeko kuyo yonke eminye imithi yomyezo ngaphandle komnye, ukuba ke badlile kuwo loo mthi baya kufa.IL 21.1

    Ukubekwa kukaAdam noEva kulomyezo mhle babenayo yonke into elungele ukonwaba kwabo abangayinqwenelayo. Kodwa uThixo, emalungiselelweni akhe obulumko obupheleleyo, wanyula ukuyivavanya intobelo yabo ngaphambhi kokuba benziwe banqabe ngonaphakade. Babeza kuba nobudlelane naye, ancokole nabo, nabo bancokole naye. Kanti noko akazange enze ukuba kube yinto engenakwenzeka ukuba okubi kubafikelele. USatana wavunyelwa ukuba abahende. Babeza kuthi ukuba bakunyamezele ukulingwa babe sebudlelaneni obungapheliyo noThixo nezithunywa zasezulwini.IL 21.2

    USatana wema ekhwankqisiwe yilemeko intsha akuyo. Ukonwaba kwakhe kwa kumkile. Wazondela izithunywa zezulu ezazifudula, kwakunye naye, zonwabile kangaka, kodwa ngoku zigxothiwe ezulwini kunye naye. Ngaphambhi kokuwa kwabo kwakungekho nethunzi eli lokunganeliseki elonakalisa uyolo lwabo. Ngoku konke kwa kuguqukile. Ubuso obabubhengeza umfanekiso womDali wabo babudakumbhile buncamile. Ingxabano, ukungavisisani, nonyeliso olukrakra, ezi zinto zaziphakathi kwabo. Ngaphambhi kovukelo lwabo ezi zinto zazingaziwa ezulwini. USatana ngoku wazibona iziphumo ezoyikekayo zovukelo lwakhe. Waahlasimla, wakoyika ukulikhangela ikamva nokucamngca ngesiphelo sezi zinto.IL 21.3

    Ixesha leengoma ezimnandi ezivuyisayo zokudumisa uThixo noNyana wakhe othandiweyo lafika. USatana wayebakhokele abavumi basezulwini. Waye ngumhlabeli ; wandule ke wonke umkhosi wezithunywa zezulu ukuthelela kuye, ivakale intsholo ezukileyo yengoma kulo lonke izulu ibonga uThixo noNyana wakhe othandiweyo. Kodwa ngoku endaweni yentsholo yeyona ngoma imnandi, ukungavisisani namazwi omsindo ngawo avakalayo ezindlebeni zenkokeli enkulu yabavukeli. Kodwa uphi apho akhona? Akulilo iphupha eloyikekayo na konke oku? Uvalelwe ngapandle kwezulu na? Amasango ezulu awasayi kuze aphinde na avulwe ukuba angene? Ilixa lokunqula lasondela, xa izithunywa ezibengezelayo nezingcwele ziqubuda phambhi koYise. Akasayi kuze abuye aphinde athelele kwingoma yasezulwini. Engasayi kube aphinde aqubude ngentlonelo nangendili engcwele phambhi kobuso boThixo ongunaphakade.IL 22.1

    Ukuba bekunokwenzeka ukuba abe njengoko wayenjalo ngokuya wayenyulu, enyanisekile, ethobele, ebenga linikela ngovuyo ibango legunya lakhe. Kodwa waye lahlekile! edlule ekusindisweni, ngenxa yovukelo lwakhe lwenkukhumalo ! Kanti oku kwa kungekuko kuphela; wayekhokelele nabanye kwa kule meko yokulahleka kunye naye — izithunywa, ezazingazange zikucamange ukuyithandabuza intando kaThixo okanye zaale ukuwuthobela umthetho kaThixo wada wakufaka ezingqondweni zazo, ebeka phambhi kwazo ukuba ziya kuxhamla ukulunga okungaphezulu, nenkululeko engaphezulu nezukileyo ngakumbhi. Bubo obo ke ubunkunkqele awazikhohlisa ngabo. Ngoku ke waye nomthwalo ophezu kwakhe awaye ngavuyiswayo kukukhululwa kuwo.IL 22.2

    Ezizithunywa zangenelwa kukuphithizela ngama- thembha adanisiweyo. Endaweni yokulungelwa okungaphezulu, zazisiva amava alusizi okungeva nokuwudela umthetho. Ezizidalwa zilusizi zazingasayi kuze ziphinde zilaulwe ngumthetho opholileyo kaYesu Kristu. Umoya wazo wawungasayi kuze ube uchukumiseke nzulu luthando lwenene, noxolo novuyo olwalusoloko luphenjelelwa kubo bubukho bakhe phambhi kwabo, ukuze baluphindisele kuye ngentobelo echwayitileyo nembheko yentlonelo.IL 22.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents