Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 33—Ukuphiliswa Kwendoda Esisiqhwala

    ITHUTYANA elifutshane emva kokuhla koMoya oyiNgcwele, na kamsinyane emva kwethuba lomthandazo oshushu, uPetros noJohane, benyuka besiya kuthandaza etempileni, babona isiqhwala esibandezelekileyo nesisweleyo, esibudala bungamashumi amane eminyaka, esasingenabomi bumbhi ngaphandle kobomi bentlungu nobulwelwe. Le ndoda iseshweni kwa kukudala ilangazelela ukuya kuYesu ukuba iphiliswe, kodwa yayingenakuzinceda, yayikude nendawo yokusebenza koGqira omKhulu. Ekugqibeleni izibongozo zayo zabangela ukuba isihlobo esithile esinobubele siyithwalele ngasesangweni letempile. Kodwa ekufikeni kwayo apho yafumanisa ukuba umPhilisi, awaye xhomekeke kuye onke amathembha ayo, waye bulewe ngokufa okukhohlakeleyo.IL 226.1

    Ukudaniswa kwayo kwavuselela imfesane yaabo babesazi ukuba kudala kangakananina elindele ngolangazelelo nangethembha ukuphiliswa nguYesu, bamzisa imihla yonke etempileni ke, ukuze abantu abadlulayo bachukumiseke bamphe intwana-ntwana zokunceda iintswelo zakhe zexesha lakalokunje. Xa uPetros noJohane babedlula, yacela amalizo kubo. Abafundi baqwalasela kuyo ngemfesane. “Uthe ke uPetros enoJohane eqwalasele kuyo wathi, Khangela kuthi apha.” “Isilivere negolide andinayo, kodwa endinako ndikunika kona: egameni likaYesu Kristu umNazarete, vuka uhambhe.”IL 226.2

    Ubuso balendoda ilihlwempu bawa akuba uPetros ezixela obakhe ubuhlwempu, kodwa bakhazimla lithembha nalukholo akuba umfundi eqhubele phambhili. “Wayibambha ngesandla sokunene, wayivusa; zomelezeka ke kwa lapho iinyawo zayo namaqatha ayo. Yesuka umtsi, yema, yahambha-hambha, yangena nabo etempileni, ihambha-hambha itsiba, imdumisa uThixo. Baza bonke abantu bayibona ihambha-hambha, idumisa uThixo; bayazi nokuyazi, ukuba ingulowa ubehlalela amalizo emNyango omHle wetempile, bathi qhiphu umbilini, bathi nqa yiloo nto ihlileyo kuyo.”IL 226.3

    AmaJuda akhwankqiswa kukuba abafundi babe nokwenza imimangaliso efana naleyo kaYesu. Yena ke, aye cinga ukuba ufile, aza alindela ukuba yonke lemibono ingummangaliso iya kuphela kunye naye. Kanti noko yiyo le lendoda eyayi sisiqhwala esingenakuzinceda iminyaka emashumi amane, ngoku ichwayitile kukuwasebenzisa ngokupheleleyo amalungu ayo, ikhululwe ezintlungwini, ivuya ekukholweni kuYesu.IL 227.1

    Abapostile bakubona ukukhwankqiswa kwabantu, bababuza ukuba kungani na ukuba bathi nqa ngulommangaliso bawubonileyo, baqhiphuke umbilini ngabo ngokungathi kwakungenxa yamandla abo ukuba bayenze lento. UPetros wabaqinisekisa ukuba kungokufaneleka kukaYesu waseNazarete, lowo bamkhanyelayo bambethelela emnqamlezweni, kodwa uThixo wamvusa kwabafileyo ngosuku lwesithathu. “Nangenxa yokukholwa kwigama layo, lo nimbonayo, nimaziyo, limomelezile igama layo; lwathi ukholo olungayo lwamnika oku kuphila kupheleleyo phambhi kwenu nonke. Nangoku, bazalwana, ndiyazi ukuba nenze ngokungazi, njengabo nabo abaphathi benu. Ke uThixo, izinto awazixela ngenxa engaphambhili ngomlomo wabo bonke abaprofeti bakhe, zokuba uKristu eve ubunzima, uzizalisile weenze nje.”IL 227.2

    Emva kokwenziwa kwalommangaliso abantu bantontelana etempileni, waza uPetros wathetha nabo kwelinye icala letempile, logama uJohane wayethetha nabo kwelinye icala. Bakuba abapostile bethethe ngokucacileyo ngesoono esikhulu samaJuda, sokumkhanyela nokumbulala lowo uliTshawe lobomi, bakulumkela ukuba bangawaqhubeli ekugezeni nasekuncameni. UPetros wakulungela ukubunciphisa ububi betyala lawo kangangoko anako ngokuthelekelela ukuba asenza esisenzo ngokungazi. Wawaxelela ukuba uMoya oyiNgcwele uya wabiza ukuba aguquke ezoonweni zawo abuye; nokuba kwa kungekho thembha limbhi kuwo ngaphandle kwenceba kaKristu lowo ambethelelayo emnqamlezweni; kungokukholwa kuye kuphela ezinokuthi zicinywe izoono zawo ngegazi lakhe.IL 227.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents