Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Iminyaka kaYakobi Yokuba Ngumgxothwa

    URebeka wazohlwaya ngokukrakra ngenxa yecebiso elingelilo alinika uYakobi, kuba laba yimbhangi yokwahlukana kwabo ngonaphakade. Wanyanzeleka ukuba asabe ukusindisa ubomi bakhe emsindweni kaEsau, waza unina akabuye abubone ubuso bakhe. UIsake wahlala iminyaka emininzi emva kokuba emsikelele uYakobi, waza waneliswa, ngohambho lukaEsau nolukaYakobi, ukuba intsikelelo yayilunge kuYakobi okunene.IL 79.3

    UYakobi akazange onwatyiswe bubomi bakhe bomtshato, nakuba wayezeke iintombhi ezizalanayo. Wenza imvumelano noLaban ngentombhi yakhe uRakeli awayemthanda. Emva kokuba ekhonze iminyaka esixhenxe ngenxa kaRakeli, uLaban wamkhohlisa wamnika uLeya. Akuba uYakobi ekuqondile oku kukhohliswa akhohliswe ngako, nokuba uLeya naye ube nendawo yakhe ekumkhohliseni, akabanga nakumthanda uLeya. ULaban waye funa ukugcina inkonzo yokuthembheka kaYakobi ithuba elide, kungoko wamkhohlisayo ngokumnika uLeya esikhundleni sikaRakeli. UYakobi wamthethisa uLaban ngokudlala ngothando lwakhe, ngokumnika uLeya angamthandiyo. ULaban wamcenga uYakobi ukuba angamaali uLeya, kuba oku kwakulihlazo, kunge kumfazi kuphela, kodwa naselusatsheni lonke. UYakobi wafakwa engxakini enkulu kakhulu, kodwa wagqiba ukuba amgcine uLeya, amzeke kananjalo nomsakwabo. ULeya wayethandwa nganeno kunokuba kuthandwa uRakeli.IL 80.1

    ULaban waye nobugqolo ekusebenzeni kwakhe noYakobi. Waye jonge kuphela ukulungelwa kwakhe yinkonzo yokuthembheka kaYakobi. Nge amshiya kudala uLaban onamaqhinga, kodwa wayesoyika ukuhlangana noEsau. Waziva izikhalazo zoonyana bakaLaban, besithi, “UYakobi uzithabathile zonke izinto abenazo ubawo; obubutyebi bakhe bonke ubenze ngezinto zikabawo. Wabubona ubuso bukaLaban, naabo bunge njengezolo nezolo elinye kuye.”IL 80.2

    Wakhathazeka uYakobi. Wayengazi icala amakabheke kulo. Wawuthwalela umcimbhi wakhe kuThixo wathandazela ukuba amkhokele. UYehova wawuphendula ngenceba lomthandazo wokukhathazeka. “Wathi uYehova kuYakobi, Buyela elizweni looyihlo, nakwizizalwana zakho; ndiya kuba nawe.”IL 80.3

    “UYakobi wathumela, wabiza uRakeli noLeya, ukuba beze endle empahleni yakhe emfutshane. Wathi kubo, Ndiya bubona ubuso bukayihlo, ukuba abunjengezolo nezolo elinye kum; ke uThixo kabawo ube nam. Niyazi nina ukuba uyihlo ndimkhonze ngamandla am onke; ke uyihlo undidephisele, wawuguqula umvuzo warn kalishumi; kodwa uThixo akamvumelanga ukuba andenze into embhi.”IL 81.1

    UYakobi wabalaulela iphupha alinikwe nguThixo, lokuba amshiye uLaban aye kubantu bakowabo. URakeli noLeya bakuvakalisa ukungakholiseki kwabo yinkqubo kayise. Akuba uYakobi ebaphindela ukoniwa kwakhe eceba ukumshiya uLaban, uRakeli noLeya bathi kuYakobi, “Sisenasabelo nalifa lini na endlwini kabawo? Akuthiwanga singabasemzini kuye yini na? Kuba uthengise ngathi wamana eyidla nemali yethu. Ngokokuze bonke ubutyebi abuhluthileyo uThixo kubawo, bube bobethu noboonyana bethu, kaloku ke konke uThixo akuthethileyo kuwe kwenze.”IL 81.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents