Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    USatana Efuna Ukubuyiselwa Endaweni Yakhe

    USatana wankwantya akuba ewulolonga umsebenzi wakhe. Waye yedwa ecamngca ngezinto ezidluleyo, nezakaloku, namacebo akhe exesha elizayo. Isiqu sakhe esomeleleyo sangcangcazela ngokungathi uzanyazanyiswa luqhwithelo. Isithunywa esivela ezulwini sasidlula. Wasibiza wacela ukuba abe nentlangano noKristu. Oku wakuvunyelwa. Waxela ke kuNyana kaThixo ukuba uyaguquka eluvukelweni lwakhe elangazelela kwakhona ukuthandwa nguThixo. Uyavuma ukuthabatha leya ndawo uThixo wayemnike yona ngaphambhili, abe phantsi kolaulo lwakhe lobulumko. UKristu walililela ilishwa likaSatana kodwa wamxelela ngokwesigqibo sikaThixo, ukuba akasayi kuze abuye amkelelwe ezulwini. Izulu lalingenakubekwa engozini. Laliya konakala izulu liphela ukuba ebe ngabuyiselwa ezulwini, kuba isoono novukelo lwaqala ngaphakathi kuye. Imbhewu yovukelo yayise ngaphakathi kuye. Uvukelo lwakhe lwalungenambhangi, waza akazonakalisa ngokungenathembha yena kuphela, kodwa wonakalisa nomkhosi wezithunywa zezulu kananjalo, enge zazihleli zonwabile ezulwini ukuba yena weyemi nkqi. Umthetho kaThixo unokugweba kodwa awunako ukuxolela.IL 23.1

    Waye ngaguquki eluvukelweni lwakhe ngenxa yokuba wayebone ubulungisa bukaThixo awaye bunyelisile. Kwa kungenako ukuba ukumthanda kwakhe uThixo kukhule kangaka ukususela ekuweni kwakhe ngangokuba kumkhokelele ekuzinikeleni ngokuchwayita ekuwuthobeleni ngovuyo umthetho kaThixo obudeliwe. Ubudwayinge abuqondayo ngokulahlekelwa kukukhanya okumnandi kwasezulwini, nomoya wokuziva ubutyala owazinyanzelayo kuye, nokudaniswa awakuvayo ekungaliboneni ibhongo lakhe lizaliseka, bubo obadala usizi lwakhe. Ukuba ngumphathi ngaphandle kwezulu kwakwahluke mpela kunokunikwa loombheko ezulwini. Ilahleko ayifumanayo yawo onke amalungelo ezulu yaba ngathi ayinakuthwaleka. Walangazelela ke ukuzizuza kwakhona ezi zinto.IL 23.2

    Ukuguquka okukhulu kwesimo sakhe akuzange kukwandise ukumthanda kwakhe uThixo, okanye umthetho wakhe onobulumko nesiko. Akuba uSatana ekuqondile ngokupheleleyo ukuba ayikho indlela yokuba angabuyiselwa elubabalweni lukaThixo, walubonakalisa ulunya lwakhe ngentiyo ephindiweyo nangobunxhamo obuvuthayo.IL 24.1

    UThixo wayesazi ukuba uvukelo oluqiniseke kangaka alunako ukuhlala lungenzi nto. USatana wayeza kuyila iindlela zokucunukisa izithunywa zezulu abonakalalise ukulidela igunya likaThixo. Njengokuba waye ngenako ukungena ngaphakathi kwamasango ezulu, wayeza kulinda ngasesangweni, azicunukise izithunywa azame impikiswano nazo xa ziphuma zingena khona. Wayeza kuzamela ukukuchitha ukonwaba kukaAdam noEva. Wayeza kuzamela ukubafunzela eluvukelweni, esazi ukuba oku kuya kubanga usizi ezulwini.IL 24.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents