Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukumiswa Ematyaleni Okwesibini

    “Wesuka umphathi enamadindala, wabazisa kungengamandla; kuba babesoyika abantu, hleze baxulutywe ngamatye. Bebazisile ke, babamisa entlanganisweni yamatyala; wababuza umbingeleli omkhulu esithi, Be singanithethelanga na kunene ngelithi, ma ningafundisi ngeligama? Niya bona, niyizalisile iJerusalem ngemfundiso yenu; nifuna ukulizisa phezu kwethu igazi lalomntu.” Babe ngasenantumekelelo ngoku yokulithwala ityala lokubulawa kukaYesu njengangooko babenkqangaza kunye nesihlwele esiphantsi besithi: “Igazi lakhe ma libe phezu kwethu, na phezu kwabantwana bethu.”IL 233.1

    UPetros kunye nabanye abapostile balandela kwa laandlela yokuzithethelela ababelandele yona ekumisweni phambhi kwamatyala kokuqala, eyile: “Waphendula ke uPetros nabapostile, bathi, Simelwe kukuthi sive uThixo kunokuba sive abantu.” Sisithunywa esasithunyelwe nguThixo esabakhulula entolongweni sabayalela ukuba bafundise etempileni. Ngokulandela umyalelo waso babelulamela umyalelo kaThixo, abamelwe kukusoloko bewululamela nokuba kuhla ntonina kubo. Uhambhisele phambhili uPetros ngokuthi: “UThixo woobawo bethu wamvusa uYesu, enambulalayo nina ngokumxhoma emthini. Yena lowo uThixo wamphakamisa ngesandla sakhe sokunene, waangumThetheli nomSindisi, ukuze amnike uSirayeli inguquko noxolelo lwenzoono. Saye singamanqhina akhe eezo ndawo thina, kwa noMoya oyiNgcwele awamnika aabo bamvayo yena uThixo.”IL 233.2

    UMoya wempefumlelo wawuphezu kwabapostile, baza abamangalelwa baba ngabamangaleli, belibeka ityala lokubulawa kukaKristu phezu kwababingeleli nabaphathi ababe liqumru lamatyala. AmaJuda abanomsindo yilento ngangokuba agqibe, ngaphandle kwegunya elivela kumagosa amaRoma, ukuba umthetho awuthabathele ezandleni zawo ababulale ababanjwa aba. Sebe netyala kade legazi likaKristu, ngoku babelangazelela ukuzidyobha izandla zabo ngegazi labapostile bakhe. Kodwa kwakukho indoda ethile efundileyo nesewongeni eliphakamileyo engqondo yayo ihluzekileyo yabona ukuba elinyathelo lobudlwengu liya kuzala ububi oboyikekayo. UThixo wavusa indoda elilungu lequmru labo ukuba iyithintele inkohlakalo yababingeleli nabaphathi.IL 233.3

    UGamaliyeli, umFarisi nomfundisi mthetho, indoda ebekekileyo kakhulu, waye ngumntu onentelekelelo enkulu, owathi, ngaphambhi kokuba abathethelele ababanjwa, wacela ukuba bakhutshelwe phandle kancinane. Wathetha ke ngokungafihlisi okukhulu nangokupholileyo, wathi: “Madoda maSirayeli, zilumkeleni ngento eniza kuyenza kwaaba bantu. Kuba ngaphambhi kwalemihla, kwesuka uTuda, esithi yena ngokwakhe unguthile; ekwanamathela kuye inaani lamadoda angathi amakhulu mane; owasikwayo lowo; bathi bonke ababemthambhele babhangazeka, ababa nto. Emva kwalowo kwesuka uYuda waseGalili, ngemihla yobhalo lomlibo wokuzalwa, wakhukulisa abantu baanela; naye lowo watshabalala; baza bonke ababemthambhele bachithachithwa. Kungoku ke ndithi kuni, Khwelelani kwababantu nibayeke; ngokuba eli cebo, nalomsebenzi, ukuba lingaba lelabantu, lotshitsha: ukuba ke lelikaThixo, aninakulitshitshisa; hleze nifunyanwe ningabalwa noThixo.”IL 234.1

    Ababingeleli ababanga nako ukungakuboni ukuqondakala kwezi zimvo; bamelwa kukunqhinelana naye, baza bengathandi noko babakhulula abapostile, emva kokuba bebatyabule ngeentonga babayalela ukuba bangabuye baphinde bashumayele ngegama likaYesu, okanye babeya kuhlaula ngobomi babo ngenxa yokuba nesibindi kwabo. “Bemka ngoko bona ebusweni bentlanganiso yamatyala, bevuya, ngokuba kuthiwe bakufanele ukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe. Kananjalo imihla yonke etempileni, nasemakhaya, babengayeki ukufundisa nokushumayela iindaba ezilungileyo zokuba uYesu unguye uKristu.”IL 234.2

    Abatshutshisi babapostile babefanele ukukhathazeka bakuba bekubonile ukungabinako kwabo ukuwoyisa amanqhina kaKristu, awaye nokholo nesibindi sokuliguqula ihlazo labo libe luzuko nentlungu yabo ibe luvuyo ngenxa yeNkosi yabo, eyanyamezela ukuthobeka nembhandezelo phambhi kwabo. Ngalendlela ke ababafundi bakhaliphileyo bazingisa ukufundisa esidlangalaleni, nangasese kwizindlu ngeezindlu, ngokwesicelo sabanini baloo makhaya ababengabanga nobuganga ukuluvuma ukholo lwabo ekuhleni, ngokoyika amaJuda.IL 234.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents