Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Uvuselelo Olukhulu Lonqulo

    Kuzo zonke iindawo kwavakala ubunqhina obucikidayo obuyala abooni abangamathanda-hlabathi namalungu ebandla, ukuba basaabe kumsindo ozayo. NjengoJohane umBaptizi, umanduleli kaKristu, abashumayeli balibeka izembhe ezingcambhini zomthi babacenga bonke ukuba bavelise iziqhamo ezifanele inguquko. Izibheno zabo ezichukumisayo zazahluke ngokucacileyo kwiziqinisekiso zoxolo nokunqaba ezazivakaliswa kumaqonga athandekayo ebantwini, kwaza naphina apho isigidimi sasinikwa, sabashukumisa abantu.IL 322.1

    Ubunqhina obulula obutsolileyo beziBhalo, bufakwa eboyeni ngamandla oMoya oyiNgcwele, bazisa ubunzima bokuhlabeka ababambalwa kakhulu ababanako ukubuchasa. Abazibiza ukuba bangamaKristu bavuseleleka ekuzithembheni kwabo okungekuko. Bazibona ukubuya ngomva kwabo, nokuthanda ihlabathi nokungakholwa kwabo, ikratshi labo nobugqolo babo. Abaninzi bayifuna iNkosi ngenguquko nokuzithoba. Uthando lwabo olwalubambhelele emhlabeni ixesha elide kangaka ngoku balukhangelisa ezulwini. UMoya kaThixo wahlala phezu kwabo, baza ngeentliziyo ezithanjisiweyo nezoyisiweyo bathelela ekuyivakaliseni indanduluko ethi, “Moyikeni uThixo, nimzukise, ngokuba lifikile ixa lokugweba kwakhe.” IsiTyhilelo 14: 7.IL 322.2

    Abooni babuza belila, bathi, “Ndingenza ntoni na ukuze ndisindiswe?” Aabo babomi babuphaulwe kukunganyaniseki balangazelela ukwenza imbhuyekezo. Bonke abalufumanayo uxolo kuThixo balangazelela ukubabona abanye bezixhamla ezintsikelelo. Iintliziyo zabazali zajikelwa ebantwaneni babo, neentliziyo zabantwana zajikela kubazali babo. Imivalo yekratshi nobuyebe-yebe yatshayelwa yemka. Iimvumozoono ezisuka entliziyweni zenziwa, baza abendlu basebenzela usindiso lwaabo bakufuphi nabathandekayo kubo.IL 323.1

    Kwavakala futhi ilizwi lokuthandaza okunyamekileyo. Kuzo zonke iindawo imiphefumlo esentlungwini enzulu, yayitaruzisa kuThixo. Abantu bazama ubusuku nemini befuna ingqiniseko yokuba izoono zabo zixolelwe, okanye ngenxa yenguquko yabazalwana nabamelwane babo. Ukholo olunyamekileyo, oluzimiseleyo lwayifumana injongo yalo. Ukuba abantu bakaThixo babezingisile ukuba nje ekuthandazeni, bezinyanzela izicelo zabo kwisihlalo senceba, bebeya kuba namava atyebe ngaphezulu kunala banawo ngoku. Kuncinane kakhulu ukuthandaza, kuncinane kakhulu ukuhlabeka kwenene sisoono; kwaye ukusweleka kokholo oluphilileyo kubashiya abaninzi belambhatha elubabalweni olulungiselelwe ngokutyebe kangaka ngumKhululi wethu obukekayo.IL 323.2

    Iindidi zonke zantontelana ezintlonganisweni zabaLindi. Izityebi namahlwempu, abaphakamileyo nabaphantsi, ngazizathu zithile, babe langazelela ukuzivela ngokwabo imfundiso yokuza kwesibini kukaYesu. INkosi yawulaula umoya wenkcaso logama abakhonzi bayo babecacisa izizathu zenkolo yabo. Maxa wambhi isixhobo sasibuthathaka ; kodwa uMoya kaThixo wanika amandla enyanisweni yakhe. Ubukho bezithunywa ezingcwele babuvakala ezintlanganisweni, kwaza imihla yonke kongezwa babaninzi enanini lamakholwa. Bakuba ubunqhina bokuza okukufuphi kukaYesu buvakaliswa, izihlwele ezikhulu zaphulaphula zithe zole kulamazwi andileke ngoluhlobo. Izulu nomhlaba zabangathi zisondelelene. Amandla kaThixo ayevakala komdala nakomncinane nakophakathi. Amadoda afuna amakhaya awo ezaliswe yindumiso emilebeni yawo, yaza intlokoma yovuyo yavakala kwimpepho ezolileyo yobusuku. Akukho namnye kwaabayayo kwezo ntlanganiso onokuze ayilibale lomibono yonandipho olunzulu.IL 323.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents