Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukuwela iJordan

    Ababingeleli babeza kuhambha phambhi kwabantu bathwale ityeya enomthetho kaThixo. Zathi iinyawo zabo zakuthi xumbhu elunxwemeni lweJordan, anqamka amanzi avela ngentla, bahambha ababingeleli, bethwele ityeya, eyayi ngumqondiso woNgcwele oKhoyo; waza umkhosi wamaHebere walandela. Bakuba ababingeleli befike phakathi eJordan, bayalelwa ukuba beme esiswini somlambho ude uwele wonke umkhosi wooSirayeli. Apha ke isizukulwana esasiphila ngoko samaSirayeli saneliswa kukuba amanzi eJordan akwalaulwa kwa ngaloo mandla abawabonayo ooyise ebonakalaliswa kuLwandle oluBomvu kwiminyaka engamashumi amane eyadlulayo. Abaninzi kwaaba babe luwele uLwandle oluBomvu bengabantwana. Ngoku bayiwela iJordan, bengamadoda emfazwe, exhobele imfazwe ngokupheleleyo.IL 154.1

    Emva kokuba umkhosi wooSirayeli wonke uyiwelile iJordan, uYoshuwa wayalela ababingeleli ukuba baphume emlanjeni. Nje ukuba ababingeleli, ababethwele ityeya yomnqophiso, baphume emlanjeni, bema kumhlaba owomileyo, iJordan yabaleka kwakhona njengangaphambili, amanzi ahambha ngaphandle kweendonga zayo. Lommangaliso mkhulu owenzelwe amaSirayeli walwandisa kakhulu ukholo lwawo. Ukuze lommangaliso mkhulu ungaze ulityalwe, uYehova wamyalela uYoshuwa ukuba ayalele amadoda aziintloko, ibenye esizweni ngasinye, athabathe amatye esiswini somlambho, kuloo ndawo iinyawo zababingeleli zazimi kuyo logama umkhosi wamaHebere wawuwela, awathwale emagxeni awo, amise isikhumbhuzo eGilgali, sokusoloko sikhumbhuza ngenyaniso yokuba uSirayeli wayiwela iJordan kumhlaba owomileyo. Emva kokuba ababingeleli benyukile baphuma eJordan, uYehova wasisusa isandla sakhe esinamandla, amanzi atyhoboza engumsinga onamandla ahambha indlela yawo.IL 154.2

    Bakuba bonke ookumkani bamaAmori nookumkani bamaKanan bevile ukuba uYehova uwathintele amanzi eJordan phambhi koonyana bakaSirayeli, iintliziyo zabo zanyibilika kukoyika. AmaSirayeli ayebulele ababini kookumkani bamaMowabi, nendlela yokuyiwela kwawo okungummangaliso iJordan ephuphumayo nehla ngamandla yabazalisa ngoloyiko olukhulu. UYoshuwa wabalusa bonke abantu abazalelwe entlango. Emva kokwenziwa kwelisiko beenza ipasika kumathafa aseJeriko. “Wathi uYehova kuYoshuwa, Namhla ingcikivo yeJiputa ndiyiqengqile, yesuka kuni.”IL 155.1

    Iintlanga zabahedeni zazimngcikivile uYehova nabantu bakhe ngenxa yokuba amaHebere engalimanga izwe laseKanan, ababecinga ukuba baza kulidla ilifa kamsinya emva kokushiya kwabo iJiputa. Iintshaba zabo zaqhayisa ngokubhadula kwabo ithuba elide kangaka entlango, zaziphakamisa ngekratshi zamchasa uYehova, zisithi akabanga nako ukubakhokelela elizweni laseKanan. Babeyiwelile ke ngoku iJordan emhlabeni owomileyo, iintshaba zabo zingasenako ukubangcikiva.IL 155.2

    Imana yabakho kwada kwaba lelixesha, kodwa ngoku njengokuba amaSirayeli aye kufuphi ukulima ilizwe laseKanan adle iziqhamo zezwe elo, yayingasafuneki nganto kubo, yaphela ke ngoko.IL 155.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents