Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Intsika Yomlilo

    “Banduluka eSukoti, balalisa eEtam, enyeleni ye-ntlango. UYehova wahambha phambhi kwabo ngomqulu welifu emini, ebakhokela ngendlela; ngomqulu womlilo ebusuku, ebakhanyisela, ukuze bahambhe imini nobusuku.” “Awusukanga umqulu welifu emini, nomqulu womlilo ebusuku, phambhi kwabo.”IL 107.4

    UYehova wayesazi ukuba amaFilisti aya kukuchasa ukuphumela kwawo ezweni lawo. Ayeza kuthi ngawo, Azimele kwiinkosi zawo eJiputa, aza kwenza imfazwe kunye nawo. Ngako oko ke uThixo, ngokuwajikelisa ngendlela yaselwandle, wazibonisa ukuba unguThixo onemfesane kwanjengokuba enguThixo onengqondo entle. UYehova wamxelela uMoses ukuba uFaro uya kubasukela, wamyalela kanye indawo amakamise kuyo phambhi kolwandle. Wamxelela uMoses ukuba uyakuzukiseka phambhi koFaro nayo yonke impi yakhe.IL 108.1

    Emva kokuba amaHebere ephumile eJiputa imihla ethile, amaJiputa amxelela uFaro ukuba abalekile engasayi kube abuye aze kumkhonza kwakhona. Bazisola ukuba bewavumele ukuba emke eJiputa. Kwa kuyilahleko enkulu kuwo ukulahlekwa yinkonzo yawo, azisola ukuba evumile ukuwayeka ahambhe. Kuko konke ukubandezeleka kwawo zizigwebo zikaThixo, enziwa lukhuni iintliziyo luvukelo lwawo oluthe roqo ngangokuba agqibe ukuba alusukele usapho lukaSirayeli alubuyisele ngamandla eJiputa. Ukumkani wathabatha umkhosi omkhulu kakhulu neenqwelo ezingamakhulu amathandathu zokulwa, wawasukela, wawafikela emise ngaselwandle.IL 108.2

    “Wasondela uFaro. Bawaphakamisa amehlo abo oonyana bakaSirayeli, naango amaJiputa efake emva kwabo. Booyika kunene, bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova. Bathi kuMoses, Kungokuba bekungekho manchwaba na eJiputa, lento usithabathileyo ukuba sifele entlango apha? Yini na ukuba usenze into enje, usikhuphe eJiputa? Asililo na eli ilizwi ebesilithetha kuwe eJiputa, sisithi, Siyeke, siwakhonze amaJiputa? Kuba kube kusilungele kanye ukuba sikhonze amaJiputa, kunokuba sifele entlango apha. Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; misani, nilubone usindiso lukaYehova aya kunenzela Iona namhla; kuba amaJiputa lawo niwabonileyo namhlanje, anisayi kuphinda niwabone naphakade. UYehova uya kunilwela, ke nina niya kuthi cwaka.”IL 108.3

    Kwaba msinya kangakananina ukuba amaSirayeli angamthembhi uYehova! Aye zibonile zonke izigwebo zakhe phezu kweJiputa ukunyanzela ukumkani ukuba amyeke uSirayeli ahambhe, kodwa yakuba inkoloseko yawo kuThixo ivavanywa, akrokra, nakuba aye bone ubunqhina obunje bamandla akhe ekuwakhululeni kwakhe okungummangaliso. Endaweni yokuthembhela kuThixo ekuxakekeni kwabo, bamkrokrela uMoses othembhekileyo, bemkhumbhuza ngamazwi abo okungakholwa abawathetha eJiputa. Bamtyhola ukuba nguye imbhangi yako konke ukukhathazeka kwabo. Wabomeleza ukuba bathembhele kuThixo bazipheze iintetho zabo zokungakholwa, babeya kukubona oko uThixo aza kubenzela kona. UMoses wakhalela kuYehova ukuba abahlangule abantu bakhe abanyuliweyo.IL 109.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents