Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukulilela Ukuhlangulwa

    Le yayi yiyure yentlungu eyoyikekayo nencamisileyo kwabangcwele. Imini nobusuku balilela kuThixo ukuba abahlangule. Enkangelekweni yangaphandle, yayingekho indlela yokusinda kwabo. Abangendawo babe sebe qalisile ukuqhayisa, bedanduluka besithi, “Kungani na ukuba uThixo wenu anganihlanguli ezandleni zethu? Ngani na ukuba ningenyuki nisindise ubomi benu?” Kodwa bona abangcwele ababananzanga nganto. NjengoYakobi, babezamana noThixo. Izithunywa zazilangazelela ukubahlangula, kodwa zazimelwe kukulinda ithutyana; abantu bakaThixo bamelwe kukuyisela indebe babaptizwe ngobaptizo. Izithunywa zezulu, ngokuthembheka ekuthenjweni kwazo, zaphikela ukubagcina. UThixo wayengaz’ ukuliyeka igama lakhe ligculelwe phakathi kwabahedeni. Ixesha lalisel’ isondele lokuba awabonakalalise amandla akhe amakhulu abahlangule abangcwele ngendlela ezukileyo. Ngenxa yozuko Iwegama lakhe wayeza kuhlangula ngamnye waabo bamlindelayo ngenyameko nabamagama abhalwe encwadini.IL 366.1

    Ndalathiswa emva kuNowa othembhekileyo. Yakuba inile imvula noNogumbhe efikile, uNowa nosapho lwakhe babe sebengene emkhombheni, noThixo wabavalela ngaphakathi. UNowa waye bayale ngokuthembhekileyo abemi behlabathi laphambhi koNogumbhe, logama bona bahlekisa bagculela ngaye. Kwaza kwathi, akuba amanzi enyuka ewugubungela umhlaba, nomnye emva komnye beraxwa ngamanzi, bawubona umkhombhe, lo babewenze intlekisa enkulu, udada ukhuselekile phezu kwamanzi, umkhusele uNowa othembhekileyo kunye nosapho lwakhe. Ndabona ke ukuba abantu bakaThixo kwangalendlela, abaliyalayo ngokuthembheka ihlabathi ngomsindo wakhe ozayo, baya kuhlangulwa. UThixo akabavumelanga abangendawo ukuba babatshabalalise aabo babelindele ukunyuselwa ezulwini abangavumanga ukuwuthobela umyalelo weramncwa okanye ukwamkela uphau lwalo. Ndabona ukuba xa abangendawo babevunyelwe ukuba bababulale abangcwele, uSatana nawo wonke umkhosi wakhe okhohlakeleyo, kwa nabo bonke abamthiyileyo uThixo, babeya kwaneliswa. Hayi ke, luloyiso olungakanani ange waba nalo uSatana ukuba ebe namandla, kwidabi lokugqibela, phezu kwaabo ababe kulindele ithuba elide kangaka ukumbona lowo uthandekileyo kubo! Aabo babegculela ngoluvo lokunyuka kwabangcwele baya kukubona ukubakhathalela kukaThixo abantu bakhe bakubone nokuhlangulwa kwabo okuzukileyo.IL 366.2

    Xa abangcwele babezishiya izixeko neelali, basukelwa ngabangendawo, ababefuna ukubabulala. Kodwa amakrele awayephakanyiselwe ukubulala abantu bakaThixo awa aphuka okwendiza. Izithunywa zikaThixo zabakhusela abangcwele. Xa babelila imini nobusuku belilela inkululo, ukulila kwabo kwaya kufika phambhi koYehova.IL 367.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents