Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukukhaulelana Nobuhedeni

    U-Satana ngako oko wawalungiselela amacebo akhe ukuba alwe ngokunempumelelo ngakumbhi nolaulo lukaThixo, ngokuyimisa ibanile yakhe ebandleni lobuKristu. Ukuba abalandeli bakaKristu babe nokukhohliseka bakhokelelwe ekungamkholisini uThixo, amandla abo ke, nokukhalipha, nokomelela kwa kuza kuphela, babe lixhoba elilula.IL 289.2

    Umchasi omkhulu wazimisela ukukuzuza ngobuqhinga oko angabanga nako ukukuzuza ngamandla. Yaphela intshutshiso, kwaza endaweni yayo kwabekwa izigcayiselo eziyingozi zobutyebi bexeshana nembheko yasehlabathini. Abanquli zithixo bakhokelelwa ukuba bayamkele inxalenye yenkolo yobuKristu, logama babezaala ezinye iinyaniso ezibalulekileyo. Bathi bayamamkela uYesu ukuba unguye uNyana kaThixo baya kholelwa nasekufeni kwakhe nokuvuka kwakhe; kodwa babe ngenakuhlabeka ngenxa yesoono bengeva mfuneko yakuzohlwaya okanye inguquko yentliziyo. Njengoko bevume izinto ezithile ngakwelabo icala, baphakamisa ukuba amaKristu nawo ma- wavume izinto ezithile, ukuze bonke bamanyane phezu komgangatho wokukholwa kuKristu.IL 289.3

    Ngoku ke ibandla laba sengozini eyoyikekayo. Intolongo, inthuthumbhiso, umlilo, nekrele ezi zinto zazi zintsikelelo xa zithelekiswa noku. Inxalenye yamaKristu ema nkqi, esithi awanako ukukhaulelana noku. Amanye athi ukuba angayekelela okanye aguqule iindawo ezithile enkolweni yawo, aze amanyane naabo bamkele inxalenye yobuKristu, oku kungaba yindlela yokuguquka kwabo ngokupheleleyo. Elo ke laba lixesha lentlungu enzulu kubalandeli abathembhekileyo bakaKristu. Phantsi kwengubo yobuKristu bokuzenzisa, uSatana wayezingenisa ngokuzindla ebandleni, ukuba onakalise inkolo yabo ajike iingqondo zabo zimke elizwini lenyaniso.IL 290.1

    Ekugqibeleni iqela elikhulu lamaKristu lawuthoba umgangatho walo, kwaza kwenziwa umanyano phakathi kobuKristu nobuhedeni. Nangona abanquli bezithixo babezibiza ukuba baguqukile, bazimanya nebandla, babe satshele ezithixweni zabo, beguqule nje izinto abazinqulayo benza imifanekiso kaYesu, kwa nekaMariya neyabanye abangcwele. Igwele elincholileyo lonqulo lwezithixo, lakuba lingenisiwe ke ebandleni ngalendlela, lawuqhuba umsebenzi walo onelishwa. Iimfundiso ezingagqibeleleyo, amasiko eenkolo kwiminyanya, neenkonzo zezithethe zonqulo lwezithixo zaqokelelelwa ezi zinto zonke enkolweni naselunqulweni lwebandla. Bakuba aba balandeli bakaKristu bezimanye nabanquli zithixo, unqulo lobuKristu loonakala laza ibandla lalahlekwa bubunyulu namandla alo. Kwa kukho abathile, noko, abangazange balahlekiswe zezinkohliso. Babe sakugcinile ukunyaniseka kwabo kwimBhangi yenyaniso benqula uThixo kuphela.IL 290.2

    Zisoloko zaba mbhini indidi phakathi kwaabo bazibiza ukuba bangabalandeli bakaKristu. Ekubeni olunye udidi luqwalasela ubomi bukaKristu luzame ngenyameko ukuzilungisa iziphoso zalo luzifanise nomZekelo, olunye udidi luya ziphepha iinyaniso eziphandle, nezicacileyo, ezityhila iziphoso zalo. Kanti nakwesona simo salo sihle ibandla lalingenziwanga ngokupheleleyo ngabantu abanyanisekileyo, nabanyulu. UmSindisi wafundisa ukuba aabo baphikele ukuhlala esoonweni ngabom ma bangamkelelwa ebandleni; kanti wamkelela kuye amadoda awaye nezimilo ezingalunganga, wawanika iintsikelelo zemfundiso zakhe nomzekelo, ukuze babe nethuba lokuzibona bazilungise iziphoso zabo.IL 290.3

    Kodwa akukho budlelane phakathi kweTshawe lokukhanya netshawe lobumnyama, kunge nakubakho manyano phakathi kwabalandeli bawo. Xa amaKristu ayevume ukuzimanya naabo bavela ebuhedenini abaguquke ngenxalenye, aangena kwindlela eyaya iwemkisa ngokuwemkisa enyanisweni. U-Satana wagcoba ngenxa yokuba ephumelele ukukhohlisa inani elikhulu kangaka labalandeli bakaKristu. Weenzake ukuba amandla akhe abephezu kwabo ngokupheleyo, wabaphembhelela ukuba babatshutshise aabo bahlala benyanisekile kuThixo. Abakho ababe nako ukuyiqonda kangaka indlela yokuyichasa inkolo yobuKristu benene njengokuba babe nako aabo babekhe bangabakhuseli bayo; aza ke lamaKristu akreqileyo, ezimanye namaqabane awo angabahedeni ngenxalenye, ayifunza imfazwe yawo yachasana nezona zinto zibalulekileyo ezimfundisweni zikaKristu.IL 291.1

    Kwafuneka umzamo oncamisekayo kwaabo babefuna ukuthembheka ukuze beme bathi nkqi ekuzichaseni kwabo iinkohliso namasikizi awayefihlwe ngeengubo zobungcwele angeniswa ebandleni. I-Baibile yayingamkelwanga njengomgangatho wenkolo. Imfundiso yonqulo lwenkululeko kwathiwa sisahlukaniso, baza abameli bayo bathiywa bavalelwa ukuba bangasebenzi ebandleni.IL 291.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents