Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 11—Umtshato kalsake

    AmaKanan aye ngabanquli bezithixo, kwaye iNkosi yayi yalele ukuba abantu bayo bangazekelani nawo, hleze bakhokelelwe elunqulweni lwezithixo. UAbraham waye sei’ aluphele, elindele ukufa kwa kamsinya. Ulsake waye ngekazeki. UAbraham wayesoyika impembhelelo eyonakalisayo eyayimraqile uIsake, enga angafunelwa umfazi ongayi kumkisa kuThixo. Lomcimbhi wawunikela esandleni somkhonzi wakhe othembhekileyo, nonamava, owaye phethe konke anako.IL 75.3

    UAbraham wafuna ukuba umkhonzi wakhe amfungele ngokundilekileyo phambhi koYehova ukuba akayi kumthabathela umfazi ulsake kumaKanan, kodwa uya kuya kubazalwana bakaAbraham, abakholwa kuThixo wenyaniso, amfunele ulsake umfazi phakathi kwabo. Wamyalela ukuba alumke angambuyiseli ulsake kwilizwe awayephume kulo, kuba kulo babephantse bonke ukuba basulelwe lunqulo lwezithixo. Ukuba akabanga nako ukumfumanela ulsake umfazi oya kubashiya abazalwana bakhe eze apho akhona, uya kuba ke uya khululeka esifungweni eso asenzileyo.IL 76.1

    Lomcimbhi ubalulekileyo awuyekelwanga kulsake, ukuba azinyulele ngokwakhe, ngaphandle koyise. UAbraham wamxelela umkhonzi wakhe ukuba uThixo uya kuthumela isithunywa sakhe phambhi kwakhe simkhokele elunyulweni lwakhe. Umkhonzi lowo owayephathiswe lomcimbhi wanduluka ukuhambha loo ndlela yakhe inde. Akuba engena emzini lowo babe hlala kuwo abazalwana bakaAbraham, wathandaza ngenyameko kuThixo ukuba amkhokele ekunyuleleni ulsake umfazi. Wacela ubunqhina obuthile amakabunikwe, ukuze angaphosisi kulomcimbhi. Waphumla ngasequleni lamanzi, elaliyindawo ebalulekileyo yokuhlanganisana. Kulapha ke apho wazibona khona ngokukodwa iimpau zesimilo esihle nesibekekileyo sikaRebeka, nabo bonke ubunqhina abe bucelile kuThixo wabufumana obo bokuba uRebeka ungulowo uThixo akholiswe kukumnyula ukuba abe ngumkaIsake. Wammema ke umkhonzi lowo ukuba aye naye endlwini kayise. Waxela ke kuyise kaRebeka nomnakwabo ngobunqhina abufumene kuYehova bokuba uRebeka kufuneka ukuba abe ngumfazi wonyana wenkosi yakhe ulsake.IL 76.2

    Umkhonzi kaAbraham wathi ke kubo, “Ngoku ke, ukuba niya yenzela inceba nenyaniso inkosi yam, ndixeleleni; ukuba anenzi njalo, ndixeleleni; ukuze ndibheke ekunene, nokuba kusekhohlo.” Uyise nomnakwabo baphendula bathi, “Lento iphuma kuYehova; asinakuthetha nto kuwe, nokuba yembhi nokuba yelu ngileyo. Naanko uRebeka phambhi kwakho. Mthabathe, uhambhe, abe ngumfazi wonyana wenkosi yakho, njengoko akuthethileyo uYehova. Kwathi, akuweva umkhonzi kaAbraham amazwi abo, waqubuda emhlabeni kuYehova.”IL 76.3

    Kwakuba konke kulungisiwe, imvume yoyise nomnakwabo izuziwe, kwabhekiswa ke kuRebeka ukuba uyavuma na ukuhambha nalomkhonzi kaAbraham aye kude nosapho lukayise abe ngumfazi kalsake. Wakholelwa ngenxa yeziganeko ezenzekayo ukuba sisandla sikaThixo esimnyulileyo ukuba abe ngumfazi kalsake, “wathi, Ndohambha.”IL 77.1

    Iimvumelwano zomtshato ngoko zazikholisa ukwenziwa ngabazali; kodwa kwakungasetyenziswa lunyanzelo lakutshatisa aabo bangathandaniyo. Kodwa abantwana babekholosile ngonyulo lwabazali babo, baze balandele icebiso labo balunikele uthando lwabo kwaabo abazali babo abahlonele uThixo, nabanamava babahlolele bona. Kwa kubalelwa ukuba sisiphoso ukuhambha ngendlela engeyiyo le.IL 77.2

    Ulsake waye qeqeshelwe ekumoyikeni uThixo ukuba aphile ubomi bentobelo. Uthe ke akuba minyaka imashumi amane ubudala, wavumela ukuba umkhonzi kayise ohlonele uThixo nonamava amnyulele. Wakholwa ukuba uThixo uya kukhokela ekufunelweni kwakhe umfazi.IL 77.3

    Umcimbhi kalsake ubhalelwe ukuba ube ngumzekelo kubantwana bezizukulwana ezizayo, ngokungakumbhi kwaabo bazibiza ukuba bayamoyika uThixo.IL 77.4

    Indlela eyathatyathwa nguAbraham ekufundiseni ulsake, eyambangela ukuba athande ubomi bentobelo ebukekayo, ibhalelwe ukunceda abazali, kananjalo ifanele ukubakhokelela abazali ekuyilauleni imizi yabo ngalendlela. Ma babafundise abantwana babo ukuba bakuphula-phule ukuyala kwabo, balihlonele igunya labo. Mabazive kananjalo benomthwalo wokukhokela uthando lwabantwana babo, ukuze lunikwe aabo bantu oluya kuthi unyulo lwabo lubafundise ukuba baya kuba ngabalingane abafanele oonyana neentombhi zabo.IL 77.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents