Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 12—UYakobi noEsau

    UThixo uyasazi isiqalo nesiphelo. Wayezazi ngaphambhi kokuzalwa kukaYakobi noEsau, kanye izimilo ababeya kuba nazo. Wayesazi ukuba uEsau akayi kuba nantliziyo yakumhlonela uThixo. Wawuphendula umthandazo okhathazekileyo kaRebeka wamxelela ukuba uya kufumana abantwana ababini, aze omkhulu akhonze omncinane. Walandlala ikamva loonyana bakhe ababini phambhi kwakhe, lokuba baya kuba zizizwe ezibini, esinye sibe sikhulu kunesinye, esomkhulu sikhonze esomcinane. Izibulo lalifanelwe ngamalungelo awodwa angalunge nakuliphina elinye ilungu losapho.IL 78.1

    UIsake wayemthanda uEsau ngaphezu kunoYakobi, ngenxa yokuba uEsau wayemzisela inyama yenyamakazi. Waye kholiswa sisimo sakhe sokukhalipha esibonakalaliswe ekuzingeleni iinyamakazi zasendle. UYakobi waye sisithandwa sikanina, ngenxa yokuba esakhe isimo sasi sesokululama sisesona silungele ukonwabisa unina. UYakobi wayefunde kunina ooko uThixo awayemxelele kona, ukuba omkhulu uya kukhonza omncinane, yaza ingcamango yakhe yobuntwana yamkhokelela esigqibeni sokuba elidinga alinakuzaliseka uEsau esenawo amalungelo alunge kwizibulo. Uthe ke akungena uEsau evela endle, etyhafile elambhile, uYakobi walisebenzisa ithuba lokuyisebenzisela okwakhe ukulungelwa intswelo kaEsau, wathembhisa ukumpha ukudla okumnandi ukuba nje angamncamela lonke ilungelo lobuzibulo, waza uEsau wabuthengisa ubuzibulo bakhe kuYakobi.IL 78.2

    UEsau wazeka abafazi ababini abangabakhonzi bezithixo, into leyo eyamenza buhlungu ulsake noRebeka. Noxa kunjalo ulsake wamthanda uEsau ngaphezu koYakobi. Uthe ke xa ecinga ukuba ukufuphi ukufa wacela uEsau ukuba amlungiselele inyama, ukuze amsikelele ngaphambhi kokuba afe. UEsau akamxelelanga uyise ukuba ubuzibulo bakhe wabuthe- ngisa kuYakobi wakuqinisela oko ngokumfungela. URebeka waweva amazwi kaIsake, waza wakhumbhula amazwi kaYehova, “Omkhulu uya kukhonza omnci,” wayesazi ukuba uEsau ubuthabathe lula ubuzibulo wabuthengisa kuYakobi. Wamzamela uYakobi ukuba akhohlise uyise aze ngamaqhinga amkele intsikelelo kayise, awayecinga ukuba ayinakuzuzwa ngenye indlela. Kuqala uYakobi akavumanga ukuyenza lenkohliso, kodwa ekugqibeleni wavumelana namacebo kanina.IL 78.3

    URebeka wayekwazi ukuthambhekela kukaIsake ngakuEsau, waqiniseka ukuba akukho nto ingamsusayo enjongweni yakhe. Endaweni yokuthembhela kuThixo, umFezi weziganeko, wakubonakalisa ukuswela kwakhe ukholo ngokoyisela uYakobi ekubeni akhohlise uyise. Indlela kaYakobi kulendawo yayingakhokelwa nguThixo. URebeka noYakobi nge babelindile uThixo wayizalisa ngokwakhe injongo yakhe ngendlela yakhe, nangexesha lakhe, endaweni yokuzamela ukuphumeza izinto ezixelwe ngenxa engaphambhili ngokusebenzisa inkohliso.IL 79.1

    Ukuba uEsau waye yizuziie intsikelelo kayise, enikelwa kwizibulo, impumelelo yakhe yayi nokuvela kuThixo kuphela; kwaye wayeya kumsikelela ngempumelelo, okanye amzisele ububi, ngoko kuhambha kwezenzo zakhe. Ukuba wayemthanda emhlonele uThixo, njengoAbeli olilungisa, wayeya kwamkeleka asikelelwe nguThixo. Ukuba, njengoKayin okhohlakeleyo, waye ngamhlonelanga uThixo kunye nemithetho yakhe, kodwa walandela iindlela zakhe ezonakeleyo, ube ngayi kuzuza ntsikelelo kuThixo, kodwa ubeyakucekiswa nguThixo, njengoKayin. Ukuba indlela ka-Yakobi ibi yelungileyo, ukuba ube ngayithanda ayihlonele iNkosi, wayeza kusikelelwa nguThixo, size isandla sikaThixo esiphumezayo sibe naye, nokuba ebengazifumani iintsikelelo namalungelo akolise ukuba ngawezibulo.IL 79.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents