Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 19—Indawo Engcwele

    UMNQUBA wawenziwe ngokomyalelo kaThixo. UYehova wavusa amadoda wawanika ubuchule obungaphezu kobo bemveli ukuba enze owona msebenzi wobuchule. Kwakungayekelwanga kuMoses okanye kulamadoda ukuba acebe indlela nohlobo lwesakhiwo. UYehova ngokwakhe walungiselela umfanekiso wesakhiwo wawunika uMoses, kunye nemiyalelo ecacileyo yobukhulu nohlobo nempahla ema isetyenziswe, wayibalula yonke impahla eyayiza kuba ngaphakathi kuso. Wabeka phambhi koMoses umfanekiso omncinane wendawo engcwele yasezulwini wamyalela ukuba azenze zonke izinto ngokomfanekiso awambonisa wona entabeni. UMoses wayibhala yonke imiyalelo encwadini wayifundela aabo bantu bangabona banempembhelelo.IL 133.1

    UYehova wafuna ukuba abantu bazise umnikelo wokuqhutywa yintliziyo, wokumenzela indawo engcwele, ukuze ahlale phakathi kwabo. “Lemka ke lonke ibandla loonyana bakaSirayeli phambhi koMoses. Beza bonke abantu abantliziyo yabavuselelayo, aabo bonke bamoya wabaqhubayo, bawuzisa umrumo kaYehova, emsebenzini wentente yokuhlangana, nasenkonzweni yayo yonke, nasezambhathweni zayo ezingcwele. Beza ke amadoda kwa nabafazi, bonke abantliziyo zibaqhubayo, bezisa izacholo, namajikazi, nemisesane, nezidanga, yonke impahla yegolide; bonke abantu ababetshanga-tshangise kuYehova umtshanga-tshangiso wegolide, bawuzisa.”IL 133.2

    Kwa kufuneka amalungiselelo amakhulu nawexabiso. Impahla enqabileyo nenexabiso kwa kufuneka ihlanganisiwe. Kodwa uYehova wamkela kuphela iminikelo yokuqhutywa yintliziyo. Ukuzinikela emsebenzini kaThixo nombingelelo ophuma entliziyweni kwa kufuneka kona kuqala ekulungiseleleni indawo kaThixo. Kwathi kwakuba ukwaakhiwa kwendawo engcwele kuqhubeka, nabantu bezisa iminikelo yabo kuMoses, yena eyinikela kubasebenzi, onke amadoda alumkileyo awayewenza umsebenzi azihlola izipho agqiba ukuba abantu bezise ngokwaneleyo, nangaphezu koko banokukusebenzisa. Waza uMoses wavakalisa kuwo wonke umnquba, esithi, “Amadoda nabafazi ma bangabi senza mpahla yamrumo wengcwele. Bapheza ke abantu ukuzisa.”IL 135.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents