Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukwenziwa Kumila Kumbhi

    Ukholo lwabafundi lomelezwa kakhulu kukwenziwa kumila kumbhi, xa bavunyelwa ukuba babubone ubuqaqauli bukaKristu balive izwi elivela ezulwini elinqhina ngesimilo sobuthixo bakhe. UThixo wanyula ukubanika abalandeli bakaYesu ubunqhina obunamandla bokuba unguye uMesiya odingiweyo, ukuze elusizini lwabo olukrakra nasekudanisweni kwabo ekubethelelweni kwakhe emnqamlezweni, bangakulahli mpela ukukhalipha kwabo. Ekwenziweni kumila kumbhi uYehova wathumela uMoses noElija ukuba bathethe noYesu ngokusingisele kwiintlungu zakhe nokufa kwakhe. Esikhundleni sokunyula izithunywa zezulu ukuba zize kuthetha noNyana wakhe, uThixo wanyula aabo banamava ngokwabo okulingwa kulomhlaba.IL 184.4

    UElija wayehambhe noThixo. Umsebenzi wakhe wawubuhlungu umzima, kuba uYehova wohlwaya ngaye izoono zoSirayeli. UElija waye ngumprofeti kaYehova; kanti noko wanyanzeleka ukuba asabele kwiindawo ngeendawo ukusindisa ubomi bakhe. Uhlanga lwakhe lwamzingela okweramncwa lasendle lufuna ukumtshabalalisa. Kodwa uThixo wamfudusela ezulwini uElija. Izithunywa zezulu zamthwalela ezulwini ngoloyiso nasebuqaqaulini.IL 185.1

    UMoses wayemkhulu ngaphezu kwabo bonke abakha baphila ngaphambhi kwakhe. Wayebekiwe kakhulu nguThixo, enikwe ilungelo lokuthetha noYehova ubuso ngobuso, njengokuba umntu ethetha nomhlobo wakhe. Wavunyelwa ukuba abone ukukhanya okubengezelayo nobuqaqauli obungummangaliso obabugubungele uYise. UYehova ngoMoses wabakhulula oonyana bakaSirayeli ebukhobokeni baseJiputa. UMoses waye ngumlamleli wabantu bakowabo, esima futhi phakathi kwabo nomsindo kaThixo. Wakuba umsindo kaYehova uvuswe ngamandla kukungakholwa kwabo nokukrokra kwabo nezoono zabo ezibi, uthando lukaMoses ngakubo lwavavanywa. UThixo wacamanga ukubatshabalalisa aze amenze yena uhlanga olunamandla. UMoses walubonkalalisa uthando lwakhe kooSirayeli ngokubabongozela kwakhe ngenyameko. Ebuhlungwini bakhe wathandaza kuThixo ukuba aguquke emsindweni wakhe amxolele uSirayeli, okanye alicime igama lakhe encwadini yakhe.IL 185.2

    UMoses wafa, kodwa uMikayeli wehla weza ku- mnika ubomi ngaphambhi kokuba umzimbha wakhe ubone ukubola. USatana wazama ukwaala nalomzimbha, ewubanga ukuba ngowakhe ; kodwa uMikayeli wamvusa uMoses wamthabathela ezulwini. USatana wamnyelisa ngokukrakra uThixo emmangalela ngokungalungi ngokuvumela ukuba ixhoba lakhe lithatyathwe kuye; kodwa uKristu akamkhalimelanga umchasi wakhe, nakuba kwa kungenxa yokuhendwa nguye ukuze umkhonzi wakhe awe. Ngobulali wamalathisa kuYise, ngokuthi, “INkosi ma ikukhalimele.” Jude 9.IL 185.3

    UYesu waye baxelele abafundi bakhe ukuba kukho abemiyo phakathi kwabo apho abangayi kukuva ukufa bade babubone ubukumkani bukaThixo bufika busemandleni. Ekwenziweni kumila kumbhi elidinga lazaliseka. Imbhonakalo yobuso bukaYesu yenziwa ngakumbhi apho babengezela ubuso bakhe njengelanga. Iingubo zakhe zabamhlophe zabengezela. UMoses wayekho emele aabo baya kuvuswa ekufeni ekubonakaleni kwesibini kukaYesu. NoElija, owanyuselwa ezulwini engakuvanga ukufa, emele aabo abaya kuguqulelwa ekungafini ekuzeni kukaKristu kwesibini baze banyuselwe ezulwini bengakuvanga ukufa. Abafundi babubona ngokukhwankqiswa nangokoyika ubungangamsha obungummangaliso bukaYesu nelifu elo lalibagubungele, baliva nezwi likaYehova lisoyikeka linobungangamsha, lisithi, “Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye; mveni yena.”IL 186.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents