Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    “Ungandichukumisi”

    Xa wayesimka enchwabeni wambona uYesu emi kufuphi, kodwa akamazanga. Wathetha naye ngobubele, ebuza imbangi yosizi lwakhe embuza nokuba ufuna bani na. Ecinga ukuba ngumlindi-myezo, wambongoza, esithi ukuba uyisusile iNkosi yakhe, ma kamxelele apho ayibeke khona, ukuze ayithabathe amke nayo. UYesu wathetha naye ngezwi lakhe lobubele, esithi, “Mariya!” Wayeqhelene nesandi selozwi lithandekayo, waphendula ngokukhauleza wathi, “mFundisi.” Kwathi ekuvuyeni kwakhe xa wayeza kumwola; kodwa wathi uYesu, “Ungandichukumisi; kuba andikenyuki ndiye kuBawo; ke yiya kubazalwana bam, uthi kubo, Ndiyenyuka, ndiya kuBawo, kuYihlo; kuThixo wam, kuThixo wenu.” Johane 20: 17. Ngokuvuya wakhauleza waya kubafundi nezindaba zimnandi. UYesu wenyukela kuYise ngokukhauleza ukuya kuva emlonyeni wakhe ukuba lamkelekile na idini lakhe, eyakwamkela igunya lonke ezulwini nasemhlabeni.IL 213.3

    Izithunywa zezulu njengelifu zamraqa uNyana kaThixo zayalela ukuba amasango angunaphakade aphakanyiswe, angene uKumkani wozuko. Ndibonile ukuba logama uYesu waye nalomkhosi ubengezelayo wasezulwini, ephambhi koThixo, eraqwe bubuqaqauli bakhe, akabalibalanga abafundi bakhe abasemhlabeni, kodwa wafumana igunya kuYise, lokuba abuye aye kubabela amandla. Kwa ngaloo mini wabuya wazibonakalalisa kubafundi. Wabavumela ke ngoko ukuba bamchukumise, kuba wayenyukile waya kuYise wa-fumana igunya.IL 214.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents