Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    AbeenTlanga Besamkela uMoya oyiNgcwele

    UPetros wamshumayela uYesu kweloqela labaphula-phuli abanenyameko; ubomi bakhe, ubulungi- seleli, imimangaliso, ukungcatshwa kwakhe, ukubethelelwa emnqamlezweni, ukuvuka, nokunyukela kwakhe ezulwini, nomsebenzi wakhe ezulwini, njengomMeli nomThetheleli womntu, ukuba abongozele abooni. Esathetha njalo umpostile, intliziyo yakhe yazaliswa nguMoya wenyaniso kaThixo leyo wayeyandlala ebantwini. Abaphuia-phuli bakhe bayoliswa yilemfundiso bayivayo, kuba iintliziyo zabo zazilungele ukuyamkela inyaniso. Umpostile wanqunyanyiswa kukuhla koMoya oyiNgcwele, njengoko wawubonakalaliswe njalo ngomhla wePentekoste. “Amangaliswa amakholwa olwaluko onke abeze noPetros; ngokuba isipho soMoya oyiNgcwele sathululwa naphezu kwabeenTlanga; kuba aziva zithetha ngalwimi zimbhi, zimenza mkhulu uThixo. Waandula waphendula uPetros wathi, Kukho unako yini na ukuthintela amanzi, ukuba bangabaptizwa aaba bamamkeleyo uMoya oyiNgcwele, kwa njengathi nje? Wamisa ukuthi ma babaptizwe engameni leNkosi. Baza bamcela ukuba akhe ahlale iintsuku ezithile.”IL 259.2

    Ukuhla koMoya oyiNgcwele phezu kwabeenTlanga kwa kungamelanga ubaptizo. Amanyathelo afunekayo enguqukweni, ngawo onke amaxesha, lukholo, inguquko, nobaptizo. Ngalendlela ke ibandla likaKristu lenene limanyene Nkosini nye, elukholweni olunye, naselubaptizweni olunye. Izimvo ezahluka-hlukeneyo ziyalungiswa lubabalo olungcwalisayo, zize kwa ezo ziseko zibalulayo zibulaule ubomi babo bonke. UPetros wavumelana nezicelo zamakholwa abeenTlanga wahlala kunye nawo ithutyana, emshumayela uYesu kubo bonke abeenTlanga abakufuphi apho.IL 260.1

    Bakuba abazalwana abakwelakwaJuda bevile ukuba uPetros ushumayele kwabeenTlanga, wasondelelana nabo wadla nabo ezindlwini zabo, bakhwankqiswa bakhubeka ngalenkqubo yakhe ingaqhelekanga. Boyikela ukuba lendlela, eyabonakala kubo ikukuzingca, iya kuyiphikisa imfundiso yakhe. Nje ukuba uPetros abatyelele, bamhlangabeza ngokumkhalimela okukhulu, besithi, “Uye wangena kumadoda angalukileyo wadla nawo.”IL 260.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents