Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 6—UKayin noAbel Neminikelo Yabo

    UKayin noAbeli, oonyana bakaAdam, babahluke kakhulu ngesimilo. UAbeli wayemhlonela uThixo. UKayin waye nezimvo zovukelo wamkrokrela uThixo ngenxa yesiqalekiso asibeka kuAdam nangokuba umhlaba waqalekiswayo ngenxa yesoono sakhe. Aaba bazalwana babefundisiwe ngokusingisele kumsindleko owenzelwa usindiso loluntu. Kwakufuneka ukuba benze ummiselo wentobelo, bebonakalalisa intlonelo yabo kuThixo nokholo lwabo nokuxhomekeka kwabo kumSindisi odingiweyo, ngokuxhela kumazibulo emihlambhi yabo bawanikele ngokundilekileyo kunye negazi abe lidini elitshisiweyo kuThixo. Elidini laliza kubakhokelela ekubeni basoloko besigcine engqondwe- ni isoono sabo nomSindisi ozayo, owayeza kuba lelona dini likhulu ngenxa yomntu.IL 46.2

    UKayin wayizisa iminikelo yakhe kuYehova enokukrokra nokunganyaniseki entliziyweni yakhe mayela neDini elidingiweyo. Akavuma ukulandela ngokuthe nqo icebo lentobelo afune ixhwane alinikele kunye neziqhamo zomhlaba. Wanela nje ukuthabatha okomhlaba akakunanza okufunwa nguThixo. UThixo wayemazisile uAdam ukuba kungaphalalanga gazi alunakubakho uxolelo lwezoono. UKayin akanyamekela nokuzisa ezona zihle eziqhameni. UAbeli wamcebisa umkhuluwa wakhe ukuba angezi phambhi kukaYehova engenalo igazi lombingelelo. UKayin, njengoko waye ngomdala, akazange amphulaphule umninawe wakhe. Wasidela isiyalo sakhe, waza enentandabuzo nokukrokra ngokusingisele emfunekweni yelisiko lingummiselo, wasondeza umnikelo wakhe. Kodwa uThixo akawamkelanga.IL 47.1

    UAbeli wazisa kumazibulo omhlambhi wakhe kwezityebileyo, njengoko uThixo waye yalele; waza ngokholo olupheleleyo kuMesiya ozayo, wathi ngokuzithoba ngentlonelo, wawusondeza umnikelo wakhe. UThixo wawamkela lomnikelo wakhe. Kwathi menye ukukhanya kuvela ezulwini kwawudla umnikelo kaAbeli. UKayin akabonanga mbhonakalo yokuba owakhe wamkelwe. Wamqumbhela uYehova kwa nomninawe wakhe. UThixo wazithoba wathumela isithunywa sezulu kuye ukuba sithethe naye.IL 47.2

    Isithunywa sabuza imbhangi yokusangana kobuso bakhe, samxelela ukuba xa esenza okulungileyo alandele imiyalelo enikwe nguThixo, uya kumamkela awamkele nomnikelo wakhe. Kodwa ukuba akavumi ukuzithoba avumelane nolungiselelo lukaThixo, akholwe kuye amthobele, akangekhe awamkele umnikelo wakhe. Isithunywa samxelela ke uKayin ukuba uThixo wayengenzanga ngokungekho sikweni, okanye wayengamkhethanga uAbeli, kodwa kwa kungenxa yesoono sakhe nokungathobeli kwakhe umthetho ocacileyo kaThixo into eyabanga ukuba angawubeki umnikelo wakhe — ukuba ke wenza okulungileyo wayeya kwamkeleka kuThixo, nomninawe wakhe amphula-phule, akhokele kuba waye yinkulu.IL 47.3

    Kodwa nasemva kokuba ebonisiwe ngokuthembhekileyo ngalendlela, uKayin akaguqukanga. Endaweni yokuzohlwaya nokuzidanela ngenxa yokungakholwa kwakhe, wahlala ekrokra ngokungalungi nokukhetha kukaThixo. Wathi ke emoneni wakhe nasentiyweni yakhe waphikisana noAbeli emngcikiva. UAbeli ngokuthobekileyo wambonisa umkhululwa wakhe imposiso yakhe emxelela ukuba isiphoso sikuye ngokwakhe. Kodwa uKayin wamthiya umninawe wakhe ukuthabathela kwilixa uThixo awabonakalalisa ngalo iimpau zokwamkeleka kwakhe. Umninawe wakhe uAbeli wazama ukuwudambhisa umsindo wakhe ngokumbonisa inceba kaThixo ngokusindisa ubomi babazali babo ekubeni waye ngebazisele ukufa kwa oko. Wamxelela uKayin ukuba uThixo uya bathanda, okanye nge engamnikelanga uNyana wakhe, omsulwa ongcwele, ukuba abephantsi kwengqumbho athe umntu, ngokungeva kwakhe wafanelwa kukuba phantsi kwayo.IL 49.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents