Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 46—Abahlaziyi Bokuqala

    PHAKATHI kwelothinzi elalithe zinzi phezu komhlaba ngelothuba lide lolaulo lobu-popi, ukukhanya kwenyaniso akuzange kube nokucimeka mpela. Kwisizukulwana ngasinye kwaba kho amanqhina kaThixo— amadoda agcina ukholo kuKristu ukuba ukuphela komlamleli phakathi koThixo nomntu, ayamkela iBaibile njengowona mmiselo wobomi, nayingcwalisayo iSabata yenyaniso. Ubukhulu betyala elinalo ihlabathi kulamadoda, izivelamva azisayi kuze zibazi. Aabalelwa ukuba angabahlukanisi, izimvo zawo zagqwethwa, izimilo zawo zonakaliswa, nezibhalo zawo zathintelwa, zabekwa ngendlela engeyiyo, okanye zakrunulwa. Kodwa ema nkqi, aza kwizizukulwana ngezizukulwana alugcina ukholo lwawo ebunyulwini balo, njengelifa elingcwele lezizukulwana ezizayo.IL 301.1

    Yayikrakra imfazwe eliwayo neBaibile ngangokuba maxa wambhi yayimbalwa kakhulu imiqulu ekhoyo; kodwa uThixo wayengavumelanga ukuba iliZwi lakhe litshatyalaliswe kuphele. Iinyaniso zalo zazi ngaz’ ukufihlakala ngonaphakade. Wayenako ukuwakhulula amazwi obomi njengokuba wayenako ukuvula iingcango zeentolongo avule amasango entsimbhi abakhulule abakhonzi bakhe. Kumazwe ngamazwe aseEurope amadoda achukunyiswa nguMoya kaThixo ukuba ayifunisise inyaniso okobutyebi obufihliweyo. Ngokukhokelelwa nguThixo kwiziBhalo eziNgcwele, bayiqwalasela imihlathi engcwele ngonandipho olukhulu. Babevuma ukukwamkela ukukhanya nangaliphina ixabiso kubo. Nakuba babengaziboni zonke izinto ngokucacileyo, beenziwa ukuba baziqonde iinyaniso ezininzi ebezikade zinchwatyiwe ithuba elide. Njengezigidimi ezithunywe lizulu baphuma, beziqhaula iimbhophelelo zobuxoki nezenkolo, bebiza aabo ababenziwe amakhoboka ithuba elide kangaka ukuba bavuke bakuvakalise ukukhululwa kwabo.IL 301.2

    Ithuba lalifikile lokuba iziBhalo eziNgcwele ziguqulelwe kwezinye iilwimi zinikwe abantu bamazwe ngamazwe ngeelwimi zakwamawabo. Ihlabathi laliphumele kwinzulu yalo yobusuku. Iiyure zobumnyama zazisimka, kwaza kumazwe amaninzi kwavela iimpau zokuza kokusa.IL 301.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents