Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukubekwa Izandla kukaPaulos noBarnabas

    UThixo wathetha nabaprofeti nabafundisi abamhlonelayo ebandleni lakwaAntiyokwe. “Bakubona ukuba ke bayabusa eNkosini, bezila ukudla, wathi uMoya oyiNgcwele, Ndahluleleni ke uBarnabas kwa noSaule, baye emsebenzini endibabizele wona.” IZenzo 13: 2. Aaba bapostile banikelwa kuThixo ngeyona ndlela indilekileyo ngokuzila ukudla nokuthandaza nokubekwa izandla; baza bathunywa ukuba baye endaweni yokusebenza kwabo phakathi kwabeenTlanga.IL 272.3

    Bobabini uPaulos noBarnabas babesebenza njengabafundisi bakaKristu, waza uThixo wayisikelela kakhulu imizamo yabo, kodwa akukho namnye kubo owayekhe wabekelwa bucala ulungiselelo lwegospile ngomthandazo nobeko lwezandla. Ngoku babe gunyaziswe libandla ukuba bangafundisi nje kuphela inyaniso, kodwa nokubaptiza nokumisa amabandla, njengoko banikelwe onke amagunya obufundisi. Eli lalilithuba elibalulekileyo ebandleni. Nakuba ikhuselo elahlulayo phakathi komJuda nowenTlanga lalidiliziwe ngako ukufa kukaKristu, livumela abeenTlanga ukuba bawamkele onke amalungelo eendaba ezilungileyo, umkhusane wawungekashenxiswa emehlweni amaJuda amaninzi akholwayo, kwaye ayengekakucaluli kakuhle konke oko kwakubhangiswe nguNyana kaThixo. Umsebenzi ngoku wawuza kuqhutywa ngamandla phakathi kwabeenTlanga, isiphumo sibe kukomelezwa kwebandla ngesivuno esikhulu semiphefumlo.IL 273.1

    Abapostile, kuwo lomsebenzi wabo uwodwa, babeza kubekwa esichengeni sokuranelwa, inkcaso, nekhwele. Njengesiphumo semveli ngenxa yokushenxa kwabo ekuzahluleni kwamaJuda, imfundiso nezimvo zabo zaziza kubizwa ukuba kukwahlukanisa ; neziqiniselo zabo zokuba bangabafundisi beendaba ezilungileyo zithandabuzwe ngabanye abaninzi abanobushushu kumaJuda akholwayo. UThixo wazibona ngenxa engaphambhili zonke ezi zinto ababeza kuphumela kuzo abakhonzi bakhe, waza elulungiselelweni lwakhe lobulumko, wabanga ukuba bathweswe ngegunya elingathandabuzekiyo eliphuma kwibandla elimiselweyo likaThixo, ukuze umsebenzi wabo ungabi nakuthandabuzeka.IL 273.2

    Ukumiselwa ngokubekwa izandla kuthe, ngemihla elandelayo, kwaphathwa kakubi kakhulu; kwabekwa ukubaluleka okungeyo mfuneko kwesisenzo, ngokungathi kukho amandla afikayo kwa ngoko kwaabo bamiselwe ngalendlela, abenza aabo bakufumeneyo balufanele lonke ulungiselelo lobufundisi, ngokungathi isidima silele esenzweni sobeko lwezandla. Apha kwelibali laaba bapostile babini, sinengxelo nje ecacileyo yobeko lwezandla, nokunxulumana kwalo nomsebenzi wabo. Bobabini uPaulos noBarnabas babese bewu- fumene umyalelo wabo ovela kuThixo ngokwakhe; inkonzo ke yobeko lwezandla ayongezanga ntsikelelo intsha okanye isidima sokufaneleka. Yayi kukubeka nje itywina lebandla phezu komsebenzi kaThixo — indlela nje evunyiweyo yokumisela ebugoseni obukhethiweyo.IL 273.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents