Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Amagumbhi Amabini

    Umnquba wawenziwe wangamagumbhi amabini, ahlulwe ngekhuselo. Yonke impahla yomnquba yayenziwe ngegolide, okanye yalekwe ngegolide. Amalengalenga omnquba aye yimibala ngemibala, elungiswe kakuhle, kuzotyiwe kulamalenga-lenga ngemisonto yegolide nesilivere iikerubi, ezaziza kumela umkhosi wezithunywa zezulu, ezisebenza umsebenzi wendawo engcwele yasezulwini, ezi zizithunywa ezibusayo ezilungiselela abangcwele abasemhlabeni.IL 137.1

    Ngaphaya kwekhuselo lesibini kwakukho ityeya yesinqhino, laye elikhuselo lihle lalithotyiwe phambhi kwetyeya engcwele. Elikhuselo lalingayanga kufikelela phezulu emnqubeni. Ubuqaqauli bukaThixo obabuphezu kwesihlalo sokucamagusha, babunokubonwa kumagumbhi omabini, kodwa kubonakala nganeno kakhulu kwigumbhi lokuqala.IL 137.2

    Kanye phambhi kwetyeya, kodwa sahlulwe likhuselo, kwa kumi isibingelelo segolide sokuqhumisela. Umlilo phezu kwesi sibingelelo wawubaswe nguYehova ngokwakhe, ugciniwe ngokungcwele ngesiqhumiso esingcwele, esawuzalisa umnquba ngelifu lawo elivumbha limnandi imini nobusuku. Ivumbha lawo elimnandi lavakala kwiimayile ezijikeleze umnquba. Akuba umbingeleli eqhumisa isiqhumiso phambhi koYehova ube khangela esihlalweni sokucamagusha. Nakuba ebengenako ukusibona wayesazi ukuba sikhona apho, kwathi ke sakuba isiqhumiso sinyuka njengelifu, ubuqaqauli bukaYehova behlela phezu kwesihlalo sokucamagusha bayizalisa ingcwele kangcwele kwabonakala nasendaweni engcwele, bada ubuqaqauli bakholisa ukuwazalisa amagumbhi omabini ngangokuba umbingeleli angabinako ukulungiselela wamelwa kukuma ngasemnyangweni womnquba.IL 137.3

    Umbingeleli endaweni engcwele, ewuthumela umthandazo wakhe ngokholo kwisihlalo sokucamagusha abengenako ukusibona, ungumfuziselo wabantu bakaThixo ababhekisa imithandazo yabo kuKristu omi phambhi kwesihlalo sokucamagusha kwingcwele yasezulwini. Abanako ukumbona umLamleli wabo ngeliso lenyama, kodwa ngeliso lokholo bayambona uKristu phambhi kwesihlalo sokucamagusha bayibhekisa imithandazo yabo kuye, baze ngengqiniseko babange iintsikelelo zokusilamlela kwakhe.IL 137.4

    Lamagumbhi angcwele ayenge nazifestile zokungenisa ukukhanya. Isiphatho sezibane sasenziwe ngegolide ecocekileyo izibane zisoloko zivutha ubusuku nemini, zikhanyisela amagumbhi omabini. Ukukhanya kwezibane ezisesiphathweni kwathi tyaba emaplangeni alekwe ngegolide, emacaleni omnquba, naphezu kwempahla engcwele naphezu kwamalenga-lenga angamabala-bala amahle aneekerubi ezizotywe ngemisonto yegolide nesilivere, inkangeleko ke leyo eyayi bukeka ngokungenakulinganiswa. Akukho ntetho ingachaza ubuhle nokubukeka nobuqaqauli obungcwele obabonakala kulamagumbhi. Igolide endaweni engcwele yamenyezisa imibala yamalenga-lenga, eyabonakala njengamabala ahlukileyo omnyama.IL 138.1

    Kanye ngomnyaka umbingeleli omkhulu wayevumelekile ukuba angene kwingcwele kangcwele, emva kwamalungiselelo anyamekileyo nandilekileyo ngokukodwa. Akukho liso lenyama ingelilo elo lombingeleli omkhulu lalinokukhangela kobubuhle bungcwele belogumbhi, kuba lali yindawo eyodwa yokuhlala kobuqaqauli obubonakalayo bukaThixo. Umbingeleli omkhulu wangena maxa onke egubha, logama abantu bakulindela ngokuzola okundilekileyo ukuphuma kwakhe. Ulangazelelo lweminqweno yabo lwalu kuThixo ukuba abanike intsikelelo yakhe. Phambhi kwesihlalo sokucamagusha uYehova wathetha nombingeleli omkhulu. Ukuba uhleli ixesha elingaqhelekanga kwingcwele kangcwele, babekholisa ngokoyika abantu, besoyikela ukuba ngenxa yezoono zabo okanye isoono esithile sombingeleli, ubuqaqauli bukaThixo bumbulele. Kodwa kwakuba kuvakala ukukhenkceza kweentsimbhi ezisezingubeni zakhe, zathi qabu izibilini. Waphuma ke wabasikelela abantu.IL 138.2

    Wakuba umsebenzi wasemnqubeni ugqityiwe, “ilifu layigubungela intente yokuhlangana, ubuqaqauli bukaYehova bawuzalisa umnquba. UMoses akabi nakungena ententeni yokuhlangana, ngokuba ilifu lahlala phezu kwayo, ubuqaqauli bukaYehova bawuzalisa umnquba.” Kuba “ilifu likaYehova be liba phezu komnquba emini, umlilo ube phezu kwawo ebusuku, phambhi kwendlu yonke kaSirayeli, ekundulukeni kwabo konke.”IL 138.3

    Umnquba weenziwa ngendlela yokuba ube nokwahlulwa-hlulwa bawuthwale bahambhe nawo kulo lonke uhambho lwabo.IL 139.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents