Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 14—Usapho lukaSirayeli

    UJOSEFU wayiphula-phula imiyalelo kayise wamhlonela uThixo. Waye yithobele imithetho kayise yobulungisa ngaphezu kwabo bonke abakhuluwa bakhe. Wayeluxabisile uqeqesho lwakhe, waza ngentliziyo enyanisekileyo, wakuthanda ukuhlonela uThixo. Waye khathazwa sisimilo esingesiso sabanye babakhuluwa bakhe, wabacenga ngobulali ukuba bahambhe ngendlela yobulungisa bazishiye izenzo zabo ezikhohlakeleyo. Oku ke kwasuka kwabanga ukuba babe nobukrakra ngakuye. Ukusithiya kwakhe isoono kwa kungangokuba angabi nakunyamezela ukubabona abakhuluwa bakhe besoona kuThixo. Wakuxela oku kuyise, ethembha ukuba igunya lakhe liya kubaguqula. Oku kutyhilwa kweziphoso zabo kwabenza abakhuluwa bakhe ukuba babe nengqumbho ngakuye. Babe kubonile ukuthandwa kwakhe kakhulu nguyise, bammonela. Umona wabo wakhula waba yintiyo, wada ekugqibeleni wakukubulala.IL 89.3

    Isithunywa sikaThixo samfundisa uJosefu ngamaphupha, awawalaula ngobumsulwa kubakhuluwa bakhe: Yabonani, besibopha izithungu entsimini phakathi; saza isithungu sam sesuka sema; zaza izithungu zenu zasingqonga, zaqubuda kwisithungu sam. Abakhuluwa bakhe bathi kuye, Yinene na ukuba uya kuba ngukumkani phezu kwethu? Yinene na ukuba uya kusilaula? kwakukhona bamthiyayo ngenxa yamaphupha akhe, nangenxa yamazwi akhe.IL 90.1

    “Wabuya waphupha elinye iphupha, walixela ku-bakhuluwa bakhe, wathi, Yabonani, ndibuye ndaphupha iphupha; ndiphuphe ilanga, nenyanga neenkwenkwezi ezilishumi elinanye ziqubuda kum. Wakuxela kuyise, nakubakhuluwa bakhe; uyise wamkhalimela, wathi kuye, Liphupha lini na eli uliphuphileyo ? Mna nonyoko nabakhuluwa bakho soza size siqubude kuwe na emhlabeni? Abakhuluwa bakhe bammonela, ke uyise waligcina elilizwi.”IL 90.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents