Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    IziBhalo esiNgcwele Zilukhuselo

    Ndabona ukuba umkhosi wezulu uzaliswe ngumsindo ngulomsebenzi wesibindi kaSatana. Ndabuza ukuba kungani na ukuba zonke ezinkohliso zivunyelwe zizilaule iingqondo zabantu ekubeni izithunywa zikaThixo zinamandla amakhulu, ekungathi ukuba ziyalelwe, zilaphule ngokulula igunya lotshaba. Ndaza ke ndabona ukuba uThixo wayesazi ukuba uSatana uya kuwazama onke amaqhinga okutshabalalisa umntu; ngako oko ke wenza ukuba iliZwi lakhe libhalwe, waza iinjongo zakhe ngohlanga loluntu wazicacisa ngangokuba noyena ubuthathaka angabi nakuphosisa. Emva kokuba elinikele ebantwini iliZwi lakhe, waligcina ngenyameko ukuba lingatshatyalaliswa nguSatana nezithunywa zakhe, okanye ngamagosa nabameli bakhe. Ekubeni ezinye iincwadi zinokutshatyalaliswa, le yayi nokungafi yona. Kufuphi nokuphela kwexesha, xa iinkohliso zikaSatana ziya kwanda, le yona kuya kwandiswa ukushicilelwa kwayo ngangokuba bonke abafuna umqulu wayo bawufumane, ukuze, ukuba bayathanda, bazixhobise bazikhusele kwiinkohliso neezimanga zobuxoki zikaSatana.IL 350.2

    Ndabona ukuba uThixo uyikhusele ngokukodwa iBaibile; kanti ngokuya imiqulu yayo yayimbalwa, abantu abafundileyo bawaguqula amagama kwiindawo ezithile, becinga ukuba bayenza icace ngakumbhi, ekubeni enyanisweni babephithizelisa oko kwa kuse kucacile, ngokuyenza ithambhekele ezimveni zabo abanazo, ezilaulwa sisithethe. Kodwa ndabona ukuba iliZwi likaThixo, ngokupheleleyo, lingumxokelelwane ogqibeleleyo esinye isiqendu sixokomelela kwesinye sisichaze. Abafundi benene benyaniso banako ukungaphosisi, kuba iliZwi likaThixo alichazi ngokulula kuphela indlela yobomi, kodwa noMoya oyiNgcwele unikiwe ukuba abe ngumkhokeli wokuyiqondakalisa indlela etyhiliweyo kulo.IL 350.3

    Ndabona ukuba izithunywa zikaThixo azivunyelwe ukulaula umxhelo womntu. UThixo ubeka phambhi komntu ubomi nokufa. Angazinyulela. Baninzi abafuna ubomi, kodwa basaphikele ukuhambha kwindlela ephangaleleyo. Banyula ukuvukelana nombuso kaThixo, noko ikhoyo inceba enkulu nemfesane kaThixo yokunikela uNyana wakhe ukuba abafele. Aabo banyula ukungalwamkeli usindiso oluthengwe ngexabiso elinqabe kangaka, bamelwe kukohlwaywa. Kodwa ndabona ukuba uThixo akasokubavalela esihogweni ukuba beve ukubandezeleka okungenasiphelo, engayi kubasa ezulwini kananjalo; kuba ukubasa phakathi kwebandla elinyulu nelingcwele kwa kuya kubenza babandezeleke ngokugqithileyo. Kodwa uya kubatshabalalisa mpela abenze babe ngathi abazange babakho; buya kwandula ke ubulungisa bakhe baneliswe. Waamenza umntu ngothuli lomhlaba, baye abangevayo nabangengcwele beya kudliwa ngumlilo babuyele kwaseluthulini kwakhona. Ndabona ukuba ububele nemfesane kaThixo kulomcimbhi ifanelwe kukubakhokelela bonke ekusincomeni isimilo sakhe nasekulithandeni igama lakhe elingcwele. Emva kokuba abakhohlakeleyo betshatyalalisiwe ababikho emhlabeni, wonke umkhosi wezulu uya kuthi, “Amen!”IL 351.1

    USatana ubakhangela ngokwaneliseka okukhulu aabo bazibiza ngegama likaKristu, kodwa noko bezilandela ngokupheleleyo iinkohliso awazisekayo ngokwakhe. Umsebenzi wakhe use ngowokuyila iinkohliso ezintsha, aye amandla namaqhinga akhe ngakwelicala aya esanda. Wabakhokela abameli bakhe, oo-popi nababingeleli, ukuba baziphakamise, babaphembhelele abantu ukuba babatshutshise ngokukrakra babatshabalalise aabo bangavumiyo ukuzamkela iinkohliso zakhe. Awu, zaba njani iimbhandezelo neentlungu abalandeli bakaKristu abaxabisekileyo abenziwa ukuba bazithwale! Izithunywa zezulu ziyigcinile ingxelo ethembhekileyo yako konke. USatana nezithunywa zakhe ezikhohlakeleyo bazixelela ngokuqhayisa izithunywa ezazilungiselela aaba bangcwele babandezelekileyo ukuba baza kubulawa bonke, ukuze kungasali namnye umKristu onyanisekileyo phezu komhlaba. Ndabona ukuba ibandla likaThixo ngoko lalinyulu. Yayingekho ingozi yokuba abantu abaneentliziyo ezincholileyo bangene kulo, kuba umKristu wenyaniso, owaye nokhalipho lokuyixela inkolo yakhe, waye sengozini yokuthuthunjiswa nokutshiswa ngomlilo, nayo yonke indlela yokuthuthumbhisa angathi uSatana kunye nezithunywa zakhe ezikhohlakeleyo bayiyile okanye bayiphembhelele ezingqondweni zabantu.IL 351.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents