Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukwenziwa Banzi Kwembhono Ye-Bandla

    UPetros wawandlala ke ngokucacileyo lo mcimbhi wonke phambhi kwabo. Waxela amava akhe asingisele embonweni, wavakalisa ukuba wamyala ukuba angabuye asinanze isithethe solwaluko nokungaluki, nokubakhangela abeenTlanga ukuba bazinqambhi, kuba uThixo waye ngemkhethi wabuso bamntu. Wabaxelela ngomyalelo kaThixo ukuba aye kwabeenTlanga, nangokuza kwabathunywa, nohambho lwakhe lokuya eKesareya, nokuhlangana noKorneli neqela awaye lihlanganisele endlwini yakhe. Ucoselelo lwakhe lwacaciswa yinyaniso yokuba, nangona waye yalelwe nguThixo ukuba aye endlwini yoweenTlanga, wathabatha amadoda amathandathu kunye naye awaye kho ngoko apho, engamanqhina ako konke aya kukuthetha naya kukwenza logama aya kuba lapho. Wawuphinda umoongo wentetho yakhe kuKorneli, awamxelela kuyo uKorneli ngombono wakhe, awayalelwa kuwo ukuba athume abathunywa eYopa ukuba baze noPetros kuye, oya kumxelela amazwi, anokuthi ngawo, yena nayo yonke indlu yakhe, basindiswe.IL 261.1

    Wazibalula iziganeko zalentlangano yokuqala nabeenTtlanga, esithi, “Ke kaloku ekuqaleni kwara ukuthetha, uMoya oyiNgcwele wabawela, njengoko wasiwelayo nathi ekuqaleni. Ndakhumbhula ke izwi leNkosi lokokuba ibithe, uYohane okunene wabaptiza ngamanzi, kodwa nina niya kubaptizwa ngoMoya oyiNgcwele. Ukuba ngoko uThixo wabapha isipho esingangeso wasiphayo nathi thina sakholwayo eNkosini uYesu Kristu, mna ke be ndingubani na, ukuba ndide ndibe nako ukumthintela uThixo?”IL 261.2

    Bakuziva ke ezi zinto abafundi, bathuliswa baneliswa ukuba inkqubo kaPetros yayiyinzaliseko kanye yecebo likaThixo, nokuba amakhwele abo amadala nokuzikhetha kwa kufuneka kuphelisiwe zindaba ezilungileyo zikaKristu. “Bakuziva ke ezo zinto, bathi cwaka, bamzukisa uThixo, besithi, Kanti na ke neenTlanga ezi uThixo uziphe ukuguqukela ebomini.”IL 261.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents