Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    uAdam noEva Emyezweni

    Yayonwabile kakhulu lembhini ingcwele eEden. Babenikwe ulaulo olungenamda phezu kwazo zonke izinto eziphilileyo. Ingonyama nemvana zazidlala kunye ngoxolo kungekho ngozi phakathi kwazo, okanye zibuthume ezinyaweni zabo. Iintaka zeentlobo ngeentlobo zamabala neentsiba zaphaphazela phakathi kweemithi neentyatyambho nangakuAdam noEva, ekubeni intsholo yazo entyilozayo yahlokoma phakathi kwemithi ngemvisiswano emnandi zinika indumiso kumDali wazo.IL 20.2

    UAdam noEva bayoliswa zizinto ezintle zekhaya labo laseEden. Bachwayitiswa zezizidalwana zintyilozayo zibajikelezileyo, ezivethe iintsiba ezikhazimlayo nezibukekayo, zitsholoza ingoma yazo yovuyo echwayitileyo. Lembhini ingcwele yathelela kuzo yawaphakamisa amazwi ayo ngengoma evanayo yothando, nendumiso nezibongo kuye uYise nakuNyana wakhe othandiweyo ngenxa yemiqondiso yothando ebangqongileyo. Baluqonda ulungelelwano nemvisiswa- no yendalo, eyalatha ubulumko nolwazi olungapheli ndawo. Babesoloko bebona ubuhle obutsha nobuqaqauli obongeziweyo bekhaya labo laseEden, obazizalisayo iintliziyo zabo ngothando olunzulu bakhupha emilebeni imvakaliso yombulelo nentlonelo yomDali wabo.

    IL 20.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents