Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 43—Ukufela-nkolo KukaPaulos noPetros

    ABAPOSTILE uPaulos noPetros babahlukene ngokubanzi ngeendawo zabo zokusebenza iminyaka emininzi, njengoko yayi ngumsebenzi kaPaulos ukuthwalela i-gospile kwabeenTlanga, ekubeni uPetros wayesebenzela ngokukodwa amaJuda. Kodwa elulungiselelweni lukaThixo, bobabini babeza kunika ubunqhina ngoKristu kwikomkhulu lehlabathi, baze phezu komhlaba walo bobabini baphalaze igazi labo libe yimbhewu eya kuvelisa isivuno esikhulu sabangcwele namafela-nkolo.IL 283.2

    Malunga nexesha lokubanjwa kwesibini kukaPaulos, uPetros naye wabanjwa wafakwa entolongwenu Wayezenze wazondeka ngokukodwa kwabase magunyeni ngozondelelo nempumelelo yakhe ekuzityhileni iinkohliso nokuwoyisa amayelenqe kaSimon, umkhafuli, owayemlandele weza eRoma ukuba achase athintele umsebenzi wegospile. U-Nero wayekholwa bubugqi, emxhasa ke uSimon. Ngenxa yoku ke wamthiya ngokukodwa umpostile, waza wanyanzeleka ukuba ayalele ukuba abanjwe.IL 283.3

    Inzondo kakumkani ngakuPaulos yongezelelwa yinyaniso yokuba amalungu endlu yakomkhulu kwa nabanye abantu ababalulekileyo, babe guqukele ebu- Kristwini ngethuba lokubanjwa kwakhe kokuqala. Ngesi sizathu ke ukubanjwa kwesibini wakwenza kwalukhuni kunokokuqala, wamnika ithuba elincinane lokuyishumayela i-gospile; waza wazimisela ukubunqamla ubomi bakhe nje ukuba afumane isizathu esiphathekayo angenza umkhusane ngaso sokukwenza oko. Ingqondo kaNero yayichukumisekile ngamandla amazwi ompostile kokukuvavanywa kwetyala lakhe kokugqibela ngangokuba asiroxise isigwebo setyala elo, akamkhulula akamgweba. Kodwa isigwebo sasisaroxiswe nje. Akubanga kudala ngaphambhi kokuba isigwebo sivakaliswe esamnikela uPaulos enchwabeni lomfeli-nkolo. Njengoko waye ngumbusi waseRoma wayengenakuthuthunjiswa, waza ngako oko wagwetyelwa ukuba anqunyulwe intloko.IL 283.4

    U-Petros, njengomJuda nomntu wasemzini, wagwetyelwa ukuba atyakatywe abethelelwe emnqamlezweni. Xa wayejongene nokukufa koyikekayo, umpostile wakhumbhula isoono sakhe esikhulu, yaza ekuphela kwengcamango yakhe yaba yeyokuba akafanelwanga yimbheko enkulu kangaka yokufa ngendlela eyafa ngayo iNkosi yakhe. U-Petros wayeguqukile ngenyaniso esoonweni sakhe, waxolelwa nguKristu, njengoko kubonisiwe ngomsebenzi ophakamileyo awunikwayo wokudlisa izimvu namatakane omhlambhi. Kodwa waye ngayi kuze azixolele. Nengcamango yeentlungu zalombono wokugqibela woyikekayo zazingenako ukubunciphisa ubukrakra bosizi Iwakhe nenguquko yakhe. Njengesicelo sokugqibela wababongoza ababulali bakhe ukuba bambethele emnqamlezweni bembhekise intloko ezantsi. Esisicelo wasinikwa, waza wafa ngalendlela ke umpostile uPetros odumileyo.IL 284.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents