Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukuhlangulwa kuLwandle oluBomvu

    “Wathi uYehova kuMoses, Yini na ukuba ukhale kum? Thetha koonyana bakaSirayeli, banduluke. Ke wena phakamisa intonga yakho, wolule isandla sakho phezu kolwandle, ulwahlule, bahambhe oonyana bakaSirayeli phakathi kolwandle, emhlabeni owomileyo.” UYehova wayefuna uMoses aqonde ukuba nguye oza kubasebenzela abantu bakhe — oko kukuthi imfuneko yabo yayiza kuba lithuba lakhe. Bakuba behambhe baya kufikelela apho babe nokufikelela khona, kwakufuneka abayalele ukuba bafunzele phambhili; aze asebenzise intonga uYehova aamnika yona ukuba awahlule amanzi.IL 109.2

    “Mna ke, yabona, ndiya kuzenza lukhuni iintliziyo zamaJiputa, angene emva kwabo, ndizukiseke ngoFaro, nangempi yakhe yonke, ngeenqwelo zakhe zokulwa, nangabamahashe bonke; azi amaJiputa ukuba ndinguYehova, ekuzizukiseni kwam ngoFaro nangeenqwelo zakhe zokulwa nangabamahashe bakhe. Sesuka isithunywa sikaThixo esibe sihambha phambhi kwemfuduka yamaSirayeli, sahambha emva kwayo. Wesuka umqulu welifu phambhi kwayo, wema emva kwayo; wathi zinzi phakathi kwempi yamaJiputa, nemfuduka yamaSirayeli. Kwabakho ilifu nobu- mnyama kumaJiputa, labukhanyisela ubusuku kumaSirayeli ; akasondelelana ubusuku bonke.”IL 109.3

    AmaJiputa akabanga nakuwabona amaHebere, kuba ilifu lobumnyama obungqingqwa laliphambhi kwawo, elo lifu lalikukukhanya kumaSirayeli. Wawabonakalalisa ngalendlela ke uYehova amandla akhe okubacikida abantu bakhe, ukuba baya kumthembha na emva kokubanika kwakhe imiqondiso enje yenkathalelo yakhe nokubathanda kwakhe, kwa nokubakhalimela ngenxa yokungakholwa kwabo nokukrokra kwabo. “UMoses wasolula isandla sakhe phezu kolwandle, walumkisa uYehova ulwandle ngomoya wasempuma-langa onamandla, bonke obobusuku, walwenza umhlaba owomileyo ulwandle aahlulelana amanzi. Bangena oonyana bakaSirayeli elwandle phakathi, kowomileyo; asuka amanzi aba ludonga ngasekunene nangasekhohlo.” Amanzi enyuka aphakama, njengeendonga ezinqumileyo, macala omabini logama amaSirayeli ahambha phakathi elwandle kumhlaba owomileyo.IL 110.1

    Impi yamaJiputa yayiqhayisa ngobobusuku ngokuthi oonyana bakaSirayeli babuye baphantsi kwegunya lawo kwakhona. Ayecinga ukuba akukho ndlela abangasinda ngayo; kuba phambhi kwabo kwakuthe thabalala uLwandle oluBomvu, yaye imikhosi yawo emikhulu ikufuphi emva kwabo. Kusasa, akuba efikile elwandle, naanko, kukho indlela eyomileyo, amanzi aahlulelene, aziindonga macala, baye oonyana bakaSirayeli sebe luthe gabhu ukuluwela ulwandle, behambha kumhlaba owomileyo. Akha athi nqumama umzuzwana ukuba agqibe into aza kuyenza. Ayedanile enomsindo yinto yokuba athi amaHebere sel’ ephantse ukuba segunyeni lawo, eqinisekile kananjalo ngawo, suka ngendlela engalindelekanga avulelwe indlela elwandle. Agqiba ukuba awalandele.IL 110.2

    “Asukela amaJiputa, angena emva kwabo elwandle phakathi, enamahashe onke kaFaro, neenqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe. Kwathi ngomlindo wokusa, uYehova waqondela empini yamaJiputa esemqulwini womlilo nelifu; wayiduba-duba impi yamaJiputa. Wayidonyula imilenze yeenqwelo zawo zokulwa, aziqhuba nzima. Athi amaJiputa, Ma sisabe phambhi kwamaSirayeli, kuba uYehova uya walwela, esilwa namaJiputa.”IL 110.3

    AmaJiputa aba nobuganga ukungena endleleni uYehova ayilungiselela abantu bakhe, zaza izithunywa zikaThixo zayityhutyha impi yawo zazidonyula iivili zeenqwelo zawo zokulwa. Aye senkathazweni. Uhambho Iwawo lwacotha kakhulu, aqala ukudubeka. Azikhumbhula izigwebo uThixo wamaHebere awaziwisa phezu kwawo eJiputa ukuwanyanzela ukuba amyeke uSirayeli ahambhe, aza acinga ukuba uThixo angawanikela onke ezandleni zamaSirayeli. Agqiba ekubeni uThixo uya walwela amaSirayeli, aza oyika kakhulu athi xa ephethuka ukuba asabe kuwo, “wathi uYehova kuMoses, Yolula isandla sakho phezu kolwandle, amanzi abuyele phezu kwamaJiputa, phezu kweenqwelo zawo zokulwa, naphezu kwabamahashe bawo.”IL 111.1

    “Wasolula uMoses isandla sakhe phezu kolwandle, ulwandle lwabuyela ebumeni balo, ukuthi qhipu kokusa; asaba amaJiputa kulo. UYehova wawavuthululela amaJiputa phakathi elwandle. Abuya amanzi azigubungela iinqwelo zokulwa, nabamahashe nempi kaFaro eyayingene emva kwawo elwandle; akwasala noko amnye kuwo. Bona oonyana bakaSirayeli bahambha emhlabeni owomileyo phakathi elwandle; asuka amanzi aba ludonga ngasekunene nangasekhohlo. Wawasindisa uYehova amaSirayeli ngaloo mini esandleni samaJiputa; amaSirayeli awabona amaJiputa efile elunxwemeni lolwandle. Asibona amaSirayeli isandla esikhulu asibonakalalisayo uYehova kumaJiputa. Bamoyika abantu uYehova, bakholwa nguYehova nanguMoses umkhonzi wakhe.”IL 111.2

    Akuba amaHebere ewubona lomsebenzi ungummangaliso kaThixo ekuwatshabalaliseni amaJiputa, amanyana engomeni ephefumlelweyo yobuciko obuphakamileyo nombulelo nendumiso.IL 111.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents