Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 20—Iintlola neNgxelo Yazo

    YEHOVA wayalela uMoses ukuba athumele amadoda aye kuhlola izwe laseKanan, awayeza kulinika oonyana bakaSirayeli. Kwa kufuneka kunyulwe intloko yesizwe ngasinye kulomsebenzi. Bahambha ke, baza emva kweentsuku ezimashumi mane, babuya ekuhloleni kwabo, beza phambhi koMoses noAron nebandla lonke likaSirayeli, bababonisa iziqhamo zelizwe elo. Banqhinelana bonke ukuba lililizwe elihle, babonisa iziqhamo ezihle ababeze nazo njengobunqhina. Isihloko esinye seediliya sasi sikhulu ngangokuba sithwalwe ngamadoda amabini ngesibonda phakathi kwawo. Bezisa kananjalo amakhiwane neerharnate, ezazichuma apho kakhulu.IL 140.1

    Emva kokuba bethethe ngokuchuma kwezwe elo, bonke ngaphandle kwababini bathetha ngokutyhafisayo ngokubanako kwabo ukulizuza. Bathi abantu abemi kwelozwe banamandla, nemizi yabo inqatyisiwe ngeendonga ezinkulu neziphakamileyo; baza, ngaphezu kwako konke, babona abenzala kaAnaki apho. Baxela ke indlela abantu abemi ngayo kweloo laseKanan nokunqaba kwendlela yokulizuza kwabo elozwe.IL 140.2

    Bakuba abantu beyiphula-phula lengxelo bakuvakalisa ukudaniswa kwabo ngezisolo ezikrakra nezikhalo. Abalindanga betyise bacinge ukuba uYehova, owaye bazise kude kangaka, uya kubanika ngokuqinisekileyo izwe elo. Kodwa bavumela ukutyhafa kwa oko. Bawafaka umda amandla oNgcwele abathembhela kuThixo owabathwala kwada kwalapha. Bamkhalazela uMoses bathi ngokukrokra phakathi kwabo, Siso esi ke isiphelo sethembha lethu. Lilo eli ke ilizwe esahambha siphuma eJiputa ukuba silizuze.IL 140.3

    UKalebi noYoshuwa bazama ukubazolisa abantu, kodwa abantu babethabatheke ngangokuba bangabi nako ukuzilaula ukuba bawaphula-phule lamadoda mabini. Emva kokuba bezolisiwe kancinane, uKalebi wazama ukuthetha. Wathi, “Ma sinyuke kwangoku, silihluthe; ngokuba siya kuleyisa kakade. Ke amadoda abenyuke naye athi, Asinako ukunyuka siye kwaabo bantu; ngokuba bomelele kunathi.” Ahambhisa ke ukunika udaba lwawo olubi, esithi amadoda onke elizwe elo ngabafo abade. “Sazibona khona iingxilimbhela, oonyana bakaAnaki basezigebengeni; sesuka emehlweni ethu saba njengemicikwane, saanjalo nasemehlweni abo.”IL 140.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents