Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isigqibo

    UYakobi wanika ubunqhina bakhe ngaso esisigqibo — esi sokuba uThixo wayecebe ukubangenisa abeenTlanga ukuba baxhamle onke amalungelo amaJuda. UMoya oyiNgcwele wabona kufanelekile ukuba umthetho wezithethe ungabekwa phezu kwamakholwa abeenTlanga; baza abapostile namadoda’ amakhulu, emva kokuwuphicotha ngocoselelo lomcimbhi, bawubona kwa ngendlela enye, yaza ingqondo yabo yaba kunye nengqondo yoMoya kaThixo. NguYakobi owayeyongamele lentlanganiso, saza isigwebo sakhe sokugqibela sathi, “Kungoko mna ndigqiba kwelithi, ma singabakhathazi aabo beenTlanga babuyelayo kuThixo.”IL 276.3

    Saba sisigwebo sakhe ukuba umthetho wezithethe, ngokukodwa umthetho wolwaluko, unganyanzeliswa nangayiphina indlela phezu kwabeenTlanga, ungace tyiswa nokucetyiswa kubo. UYakobi wayefuna ukuyicinezela lenyaniso kubazalwana bakhe yokuba abeenTlanga, ngokubuyela kwabo kuThixo bevela ekunquleni izithixo, beenza inguqulelo enkulu enkolweni yabo; nokuba kusetyenziswe ubuchule obukhulu ukuba zingadutywa iingqondo zabo ngemicimbhi ekhathazayo nethandabuzekayo, hleze batyhafiswe ekumlandeleni uKristu.IL 276.4

    Kodwa ke abeenTlanga, kwa kungafuneki balandele ndlela eya kubetha-bethana nezimvo zabazalwana babo besiJuda, okanye eya kudala ikhwele ezintliziyweni zabo ngakubo. Abapostile namadoda amakhulu bagqiba ke ukuba babazise abeenTlanga ukuba bazikhwebule ekudleni iinyama ezibingelelwe kwizithixo, nasembulweni, nasentweni ekrwitshiweyo, negazi. Babefanelwe kukuyigcina imithetho bahlale ubomi obungcwele. AbeenTlanga baxelelwa ukuba abantu abanyanzelisa ulwaluko kubo abagunyaziswanga ngabapostile ukwenza njalo.IL 277.1

    U-Paulos noBarnabas banconywa kubo njengamadoda abubeka engozini ubomi babo ngenxa yeNkosi. UJuda noSilas bathunyelwa ukuba bahambhe naaba bapostile bavakalise kwabeenTlanga, ngelizwi lomlomo, isigqibo se nkomfa. Aaba bakhonzi bane bakaThixo bathunyelwa kwaAntiyokwe bephethe incwadi nesigidimi, esaphelisa yonke impikiswano; kuba sasililizwi lelona gunya likhulu emhlabeni.IL 277.2

    Iqumru elo lawugwebayo lomcimbhi lali ngamadoda asisiseko samabandla obuKristu esiJuda nawabeenTlanga. Amadoda amakhulu avela eJerusalem nabaphathiswa abavela kwaAntiyokwe ayekho, nawona mabandla anempembhelelo aye nabameli. Iqumru alizange libange ukuba alinakuphosisa ezigqibeni zalo, kodwa lasebenza ngokukhokelwa lugwebo olukhanyiselweyo nasisidima sebandla elisekwe ngokwentando kaThixo. Babona ukuba uThixo ngokwakhe waye wugwebile lomcimbhi ngokubababala abeenTlanga ngoMoya oyiNgcwele, kwayekelwa ke kubo ukuba balandele isikhokelo soMoya.IL 277.3

    Alibizwanga ibandla liphela ukuba libe nelizwi kuwo lomcimbhi. Abapostile namadoda amakhulu — amadoda anempembhelelo nengqiqo — awuqingqa awukhupha umyalelo, owamkelwayo ke jikelele ngamabandla obuKristu. Abazange baneliswe bonke, noko, sisigqibo esi, kwa kukho iqela labazalwana abanganyanisekanga abazimisela ukwenza umsebenzi wokuzithandela kwabo. Bahlala ekukrokreni nasekufuneni iziphoso, becebisa iindlela ezintsha bezamela ukuwudiliza umsebenzi wamadoda anamava uThixo awamiselayo ukuba afundise imfundiso kaKristu. Ibandla laba nazo eziziphazamiso kwasekuqalekeni, laye liya kusoloko linazo kude kube sekupheleni kwexesha.IL 277.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents