Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 16—Ukusinda kukaSirayeli Ebukhobokeni

    Usapho lukaSirayeli lwalulandele umyalelo elwawuxelelwa nguThixo; kwaza sakuba isithunywa sokufa sidlula sisuka kule indlu sisiya kuleya phakathi kwama-Jiputa, bonke babe sebe lulungele uhambho lwabo belindele ukumkani ozele luvukelo kunye namadoda akhe amakhulu ukuba abayalele ukuba bahambhe.IL 106.2

    “Kwathi ke phakathi kobusuku, uYehova wawabulala onke amazibulo ezweni laseJiputa, wathabathela kowamazibulo kaFaro ohleliyo etroneni yakhe, kwasa kowamazibulo womthinjwa osentolongweni engumhadi, namazibulo onke eenkomo. Wavuka uFaro ebusuku, yena nabakhonzi bakhe, namaJiputa onke; kuba akubangakho ndlu ingenamntu ufileyo. Wabiza uMoses noAron ebusuku, wathi, Sukani niphume phakathi kwabantu bam, nina aaba noonyana bakaSirayeli, nihambhe niye kumkhonza uYehova, njengokutsho kwenu; nempahla yenu emfutshane neenkomo zenu zithabatheni, njengoko natshoyo, nihambhe; nam nindisikelele. AmaJiputa ajokisa ukubandulula abantu ngobunxhamo kwelo zwe; kuba abesithi, Sonke se sifile.”IL 106.3

    “Abantu bayithabatha intlama yabo ingekabi na- gwele, imikhumbhi yabo yokuxovulela isongelwe ezingutyeni zabo, ibotshelelwe emagxeni abo. Oonyana bakaSirayeli beenza ngokwelizwi likaMoses; bacela kumaJiputa iimpahla zesilivere, neempahla zegolide, neengubo. UYehova wabababala abantu phambhi kwamaJiputa, abenza ukuba bacele. Bawaphanga ke amaJiputa.”IL 106.4

    UYehova wakutyhila oku kuAbraham malunga neminyaka engamakhulu amane ngaphambhi kokuba kuzaliseke: “Wathi kuAbraham, Yazi ke, ukuba imbhewu yakho iya kuba ngumphambhukeli ezweni elingelayo, ibakhonze aabo, bayicinezele, iminyaka emakhulu mane. Kananjalo uhlanga eya kulukhonza ndiya kulugweba; emveni koko iya kuphuma ineempahla ezininzi.” Genesis 15: 13, 14.IL 107.1

    “Kwenyuka ke kunye nabo inkitha engumxube, nempahla emfutshane, neenkomo, imfuyo eninzi.” Oonyana bakaSirayeli bemka eJiputa nemfuyo yabo, eyayingeyiyo kaFaro, kuba babe ngazange bayithengise kuye. UYakobi noonyana bakhe baya neenkomo zabo nempahla yabo emfutshane eJiputa. Oonyana bakaSirayeli babandile bababaninzi kakhulu, yaza nempahla yabo emfutshane neenkomo zabo zanda kakhulu. UThixo waye wohlwaye amaJiputa ngokuthumela izibetho phezu kwawo, wawenza ukuba abakhuphe ngokukhauleza abantu bakhe benazo zonke izinto zabo.IL 107.2

    “Kwathi, akubandulula uFaro abantu, uThixo akabakhokela ngendlela yelizwe lamaFilisti, nakuba ibimfutshane yona: kuba wathi uYehova, hleze abantu bazohlwaye bakubona imfazwe, babuyele eJiputa. UThixo wabazungulezisa ngendlela yentlango yoLwandle oluBomvu. Banyuka oonyana bakaSirayeli bexhobile, bevela ezweni laseJiputa. UMoses wawathabatha amathambho kaJosefu; kuba wayebafungisile nokubafungisa oonyana bakaSirayeli, esithi, UThixo uya kunivelela okunene; nize niwanyuse amathambho am, emke nani kulendawo.”IL 107.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents