Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukuthandabuza Amadinga kaThixo

    Emva kokwahlukana kukaAbraham noLote uYehova wathi kuye, “Kha uwaphakamise amehlo akho ukuloo ndawo ukuyo, ubhekise entla, nasezantsi, nasempumalanga, nasentshona-langa ; ngokuba lonke ilizwe olibonayo ndiya kulinika wena, nembhewu yakho, kude kuse ephakadeni; ndiyenze imbhewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, angathi ubani enako ukulubala uthuli lomhlaba, ayibale nembhewu yakho.” Lafika ilizwi likaYehova kuAbram ngombono, lisithi, Musa ukoyika, ndiyingweletshetshe yakho, umvuzo wakho omkhulu kunene. . . . Wathi uAbram, Yabona, akundinikanga mbhewu ; yabona umntu ongowendlu yam uya kuba yindla-mafa yam.IL 69.2

    Njengokuba uAbraham waye engenanyana, wacinga ekuqaleni ukuba umkhonzi wakhe othembhekileyo, uElizare, makamenze abe ngunyana wakhe, nendla-mafa yakhe. Kodwa uThixo wamazisa uAbraham ukuba umkhonzi wakhe akayi kuba ngunyana wakhe nendla-mafa yakhe, kodwa wayeza kuba nonyana ongowakhe. “Wamsa phandle, wathi, Kha ubheke phezulu ezulwini, uzibale iinkwenkwezi, ukuba unokuzibala; wathi kuye, Iya kuba njalo ke imbhewu yakho.”IL 69.3

    Ukuba uAbraham noSara babe kulindile ngokholo oluqinisekileyo ukuzaliseka kwedinga lokuba baya kuba nonyana, ukungonwabi okukhulu nge kwa phetshwa. Bakholwa ukuba kuya kuba njengoko uThixo wayedingile, kodwa ababinako ukukholwa ukuba uSara ekwaluphaleni kwakhe uya kuba nonyana. USara wavelisa icebo awayecinga ukuba idinga likaThixo lingazaliswa ngalo. Wambongoza uAbraham ukuba athabathe uHagare abe ngumfazi wakhe. Kwesi senzo bobabini babonisa ukuswela ukholo nokuwathembha ngokupheleleyo amandla kaThixo. Ngokuphulaphula ilizwi likaSara amthabathe uHagare abe ngumkakhe uAbraham wasilela ekulunyamezeleni ucikido lokholo lwakhe emandleni kaThixo angenamlinganiselo, wazizisela yena kunye noSara ukungonwabi okukhulu. UYehova wayezimisele ukucikida ukholo olomeleleyo nokuthembhela kukaAbraham kumadinga awenze kuye.IL 70.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents