Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukwaakha Umkhombhe

    UThixo wamnika uNowa owona mlinganiselo kanye womkhombhe nemiyalelo ecacileyo ngokwaakhiwa kwawo ngeendawo zonke. Ngeendlela ezininzi wawungenziwanga njengomkhombhe kodwa njengendlu, isiseko sinjengomkhombhe onokudada phezu kwamanzi. Kwa kungekho zifestile emacaleni omkhombhe. Wawundidi ntathu ubuphakamo, nokukhanya ezakuzuzayo kwakuvela kwifestile ephezulu kuwo. Ucango lwalusecaleni. Amagumbhi okugcina iindidi ngeendidi zezilwanyana ayenziwe ngendlela yokuba ifestile ephezulu kuwo ibe nokuwakhanyisela onke. Umkhombhe wawenziwe ngomthi wegofere, owawungayi kubola amakhulu eminyaka. Sasi sisaakhiwo esomelele ngokugqithileyo ekwakungekho bulumko bamntu obabunako ukusiyila. UThixo waye ngumyili, uNowa engumaakhi ophambhili.IL 58.1

    Emva kokuba uNowa ekwenzile konke anako ukuyenza ukuba yonke indawo yomkhombhe ilunge, kwa kungenakwenzeka ukuba nje ngokwawo umelane namandla esiphango nesaqhwithi uThixo ngengqumbho yakhe awayeza kusiwisela umhlaba. Umsebenzi wokugqitywa komkhombhe wawungumsebenzi ohambha kade. Umthi ngamnye wawudityaniselwa komnye ngocoselelo, umdibaniso ngamnye utywinwe ngebitumin. Konke ooko kwakunokwenziwa ngumntu kweenziwa ukuwenza umsebenzi ukuba ufezeke; kanti, noko ke, nguThixo kuphela owayenako ukuwukhusela umkhombhe kumaza alatyuzayo anomsindo ngamandla akhe angummangaliso.IL 58.2

    Isihlwele ekuqaleni sabangathi siyasamkela isiyalo sikaNowa, kodwa asajikela kuThixo ngenguquko yenene. Banikwa ithuba ngaphambhi kokuba uNogumbhe afike, ababeza kwenzelwa inceba — balingwe bacikidwe. Basilela ukulumela ucikido. Ukonakala okwakulaula kwaboyisa, baza ekugqibeleni bathelela kwabanye abonakeleyo ekuhlekiseni nasekugculeleni ngoNowa othembhekileyo. Abavumanga ukuzishiya izoono zabo baphikela ukuhlala ngokwesithembhu nasekwaneliseni iinkanuko zabo ezikhohlakeleyo.IL 58.3

    Ithuba lokwenzelwa kwabo inceba lalisondela esiphelweni. Abemi abangakholwayo nabahlekisayo babeza kunikwa umqondiso owodwa wamandla olaulo lukaThixo. UNowa waye yilandele ngokuthembhekileyo imiyalelo uThixo awayemnike yona. Umkhombhe wagqitywa kanye njengoko uThixo wayeyalele. Wayengenise emkhombheni imfumbha yokudla kwabantu nokwezilo. Kwaza kwathi emva kokuba oko kugqityiwe, uThixo wamyalela uNowa othembhekileyo ngokuthi, “Ngena, wena nendlu yakho yonke, emkhombheni, ngokuba ndibona wena ilungisa phambhi kwam kwesi sizukulwana.”IL 59.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents