Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ubuyelo eKanan

    Uthe engekho uLaban, uYakobi waluthabatha usapho lwakhe nako konke awaye nako, wemka kwaLaban. Emva kokuba ehambhe imihla emithathu, uLaban weva ukuba umshiyile waqumbha kakhulu. Wamphuthuma ezimisele ukubuya naye ngamandla. Kodwa uYehova waba nosizi ngoYakobi, kwaza kwathi xa uLaban wayesondele kuye, wamnika iphupha lokuba angathethi nto kuYakobi embhi nelungileyo. Oko kukuthi angamnyanzeli ukuba abuye naye, okanye azame ukumoyisa ngezicengo.IL 81.3

    Uthe uLaban akudibana noYakobi wambuza ukuba kungani na ukuba azimele neentombhi zakhe ngokungathi zingabathinjwa abathinjwe ngekrele. ULaban wamxelela ukuthi, “Kusemandleni esandla sam ukukwenza ububi; ke uThixo kayihlo uthethe nam phezolo, esithi, Zilumkele, ungathethi nto noYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembhi.” UYakobi waphinda ke kuLaban indlela yokumphatha kwakhe ngokungenabubele, nokuba wakhangela okwakhe ukulungelwa kuphela. Wabhenela kuLaban ngokuthi tye ukuziphatha kwakhe ngethuba awaye naye, wathi, “Into eqwengiweyo andiyizisanga kuwe, ndayimisela ngokwam; wayibiza esandleni sam nokuba ibiiwe emini nokuba ibiiwe ebusuku. Emini ndadliwa bubushushu, ebusuku yingqele; ubuthongo bam bemka emehlweni am.”IL 81.4

    UYakobi wathi, “Kwaba njalo ke leminyaka imashumi mabini endlwini yakho; ndakukhonza iminyaka elishumi elinamine ngenxa yeentombhi zakho zombhini, iminyaka emithandathu ngenxa yempahla yakho emfutshane; uwuguqule umvuzo wam kalishumi. Koko uThixo kabawo, uThixo kaAbraham, ohlonelwa nguIsake, waba nam, unge undindulule ndilambhatha ngoku. UThixo uzibonile iintsizi zam nokuxelenga kwezandla zam, wakohlwaya phezolo.”IL 82.1

    ULaban wamqinisekisa uYakobi ukuba uzikhathalele iintombhi zakhe zombhini nabantwana bazo, nokuba akangeke azenze nto imbhi. Waceba ukwenza umnqophiso phakathi kwabo. Wathi ke uLaban, “Yiza ngoku, senze umnqophiso, mna nawe, ube linqhina phakathi kwam nawe. UYakobi wathabatha ilitye, waliphakamisa lasisimiso. Wathi uYakobi kubazalwana bakhe, Cholani amatye. Bathabatha amatye, benza imfumbha, badla khona phezu kwaloo mfumbha.”IL 82.2

    Wathi ukuyibiza uLaban, “Ma kabonisele uYehova phakathi kwam nawe, sakuba sisithelene; ukuba uthe wazicinezela iintombhi zam, nokuba uthe wazeka abafazi phezu kweentombhi zam, akukho bani unathi. Khangela uThixo ulinqhina phakathi kwam nawe.”IL 82.3

    UYakobi wenza umnqophiso ondilekileyo phambhi koYehova ukuba akayi kuzeka abanye abafazi. “ULaban wathi kuYakobi, Yabona lemfumbha, yabona esisimiso ndisiphakamisileyo phakathi kwam nawe; inqhina yilemfumbha, inqhina sesi simiso, ukuba andiyi kugqitha mna kulemfumbha ndiye kuwe, ukuba akuyi kugqitha wena kulemfumbha nakwesi simiso uze kum, senzane ububi. UThixo kaAbraham, uThixo kaNahore, uThixo woyise wabo, ma kagwebe phakathi kwethu. UYakobi wafunga Ohlonelwa nguyise uIsake.”IL 82.4

    Xa waye hambha indlela yakhe uYakobi, zaqu- bisana naye izithunywa zikaThixo. Wathi akuzibona, “Ngumkhosi kaThixo lo.” Wazibona izithunywa zikaThixo ephupheni zimgqinge ngenxa zonke. UYakobi wathumela isigidimi sokuzithoba nesokuzama uxolo kumkhuluwa wakhe uEsau. Abathunywa babuyela kuYakobi besithi, Sifikile kumkhuluwa wakho uEsau, naye uyeza kukukhaulela, enamadoda angamakhulu amane. Wooyika kunene uYakobi, wabandezeleka, wabahlula abantu ababenaye, nempahla emfutshane, neenkomo, neenkamela; iimfuduka zaambhini. Wathi, Ukuba uEsau uthe wafika kwenye imfuduka, wayichitha, yosinda imfuduka eseleyo.IL 82.5

    “Wathi uYakobi, Thixo kabawo uAbraham, Thixo kabawo ulsake, uthe kum, Buyela ezweni lakowenu kwelokuzalwa kwakho; ndokuphatha kakuhle. Andiyilingene inceba yakho, nenyaniso yakho oyenzileyo kumkhonzi wakho; kuba ndayiwela leJordan, ndinentonga yam yodwa, kodwa ngoku ndimfuduka mbhini. Kha undihlangule esandleni somkhuluwa warn, esandleni sikaEsau; ngokuba ndiyamoyika, hleze afike andibulale, unina ndawonye nabantwana. Wauthe wena, Inene ndiya kukuphatha kakuhle, imbhewu yakho ndiyenze ibe njengentlabathi yolwandle, engenakubalwa ngenxa yobuninzi.”IL 83.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents