Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 62—Umvuzo Wabangcwele

    NDAZA ndabona iqela elikhulu lezithunywa zezulu zisiza zivela emzini lowo ziphethe izitsaba ezinobuqaqauli— isitsaba songcwele ngamnye, sinegama lakhe libhaliwe kuso. Akuba uYesu ezibizile izitsaba, izithunywa zazinikela kuye, waza ngesandla sakhe sokunene uYesu othandekayo wazibeka izitsaba phezu kweentloko zabangcwele. Kwa ngayo lendlela izithunywa zeza neehadi, waza uYesu wazinikela nazo kwabangcwele. Izithunywa eziphetheyo zahlabela, kwaza kwalandela amazwi onke enyusa indumiso yombulelo novuyo, zaza zonke izandla zazichwetha ngobuchule iintambho zeehadi, zatsho ngengoma evanayo emyoli negqibeleleyo.IL 371.1

    Ndambona ke uYesu elikhokela ibandla elisindisiweyo ukuya esangweni lomzi. Walibambha isango walivula ngezo-hinges zibengezelayo waziyalela iintlanga ezakugcinayo ukunyaniseka ukuba zingene. Ngaphakathi emzini apho kwa kukho yonke into yokutyebisa iliso. Macala onke babona ubuqaqauli obutyebileyo. Waza uYesu wabakhangela abasindisiweyo bakhe; ubuso babo babubengezela bubuqaqauli; waza akuba ewathe nzo amehlo akhe athandekayo phezu kwabo, wathi, ngezwi lakhe elimnandi, elifana nengoma, “Ndiyakubona ukwaphuka komphefumlo warn, ndanelisiwe. Obubuqaqauli butyebileyo bobenu ukuba nibuxhamle ngonaphakade. Iintsizi zenu ziphelile. Akusayi kuba sabakho kufa, nakulila nasinqhala, akusayi kuba sabakho nantlungu.” Ndawubona umkhosi wabasindisiweyo uziphosa phantsi izitsaba zawo ezibengezelayo ezinyaweni zikaYesu, baza bathi, sakuba isandla sakhe esinothando sibaphakamisile, bazikrweca ihadi zabo zegolide balizalisa izulu lonke ngentsholo emnandi nangeengoma zemVana.IL 371.2

    Ndaza ndambona uYesu ebakhokelela kumthi wobomi abantu bakhe, saza kwakhona saliva izwi lakhe elimnandi, elimyoli ngaphezu kwayo nayiphina intsholo eyakha yavakala ezindlebeni zabantu abanokufa, lisithi, “Amagqabi alomthi ngawokuphilisa iintlanga. Yidlani nonke kuwo.” Kuwo umthi lowo wobomi kwa kukho iintlobo-ntlobo zeziqhamo, ababe nokudla kuzo abangcwele ngokukhululekileyo. Phakathi emzini apho kwakukho itrone eyeyona ibengezelayo, ekwaphuma kuyo umlambho ongcwengileyo wamanzi obomi, ufana ne-kristale. Kwicala ngalinye lomlambho kwa kukho umthi wobomi, kwaye ezindongeni zomlambho kukho eminye imithi ethwala iziqhamo ezilungele ukudliwa.IL 371.3

    Intetho ibuthathaka kwaphela ukuba ingazama nokuzama oku ukunika ingcaciso ngezulu. Wakuba lombono usithi tyaba phambhi kwam, ndiziva ndisuke ndaba njengophelelweyo kukukhwankqiswa. Ndikhwankqisiwe njalo ke bobubuhle bungadlulwa nto nobuqaqauli obuncamisileyo, ndilubeka phantsi usiba lwam, ndimemelele ndisithi, “Bonani uthando olungaka! luthando olumangalisa njani na!” Eyona ntetho iphakamileyo iyoyiswa kukubuchaza ubuqaqauli bezulu okanye ubunzulu obungenamlinganiso bothando lomSindisi.IL 372.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents