Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ulungiselelo Esemakhamandeleni

    Nakuba wayengumbanjwa ithuba elide, kodwa noko uThixo wawuqhubela phambhili umsebenzi wakhe owodwa ngaye. Amakhamandela akhe ayeza kuba yindlela yokusasaza ukwaziwa kukaKristu ukuze ngako oko azukiseke uThixo. Xa waye sisiwa kwizixeko ngezixeko ukuba aye kumiswa ematyaleni, ubunqhina bakhe ngokusingisele kuYesu neziganeko ezimangalisayo zokuguquka kwakhe banikwa phambhi kookumkani nabalauli, ukuze bashiywe bengenakuzilandulela ngokusingisele kuYesu. Amawaka akholwa kuye agcoba egameni lakhe.IL 282.4

    Ndibonile ukuba injongo eyodwa kaThixo yazaliseka kuhambho lukaPaulos ngolwandle; wayelungiselele ukuba abasebenzi basenqanaweni bawabone amandla kaThixo ngoPaulos, nokuba abahedeni nabo babe nokuva ngegama likaYesu, nokuba babe baninzi abaguqukayo ngenxa yokufundisa kukaPaulos nokubona imimangaliso ayeenzayo. Ookumkani nabalauli bayoliswa yingxoxo yakhe, kwaza kwathi xa wayemshumayela uYesu ngozondelelo nangamandla oMoya oyiNgcwele ebalisa nangeziganeko zamava akhe, bahlabeka baneliswa ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo.IL 283.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents