Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Imihla emaShumi Mane Kunye nabaFundi

    UYesu wahlala nabafundi bakhe imihla emashumi mane, ebanika uvuyo nokonwaba kwentliziyo xa etyhila kubo ngokuzeleyo izinto eziqinisekileyo ezingobukumkani bukaThixo. Wabathuma ukuba baye kunika ubunqhina ngazo izinto abazibonileyo nabazivileyo ngeembhandezelo, ukufa, nokuvuka kwakhe, nokuba weenza idini ngenxa yesoono, nokuba bonke abafunayo bangeza kuye bafumane ubomi. Ngobubele obuthembhekileyo wabaxelela ukuba baya kutshutshiswa bacinezelwe, kodwa babeza kufumana usizo bakucinga ngamava abo kwa nokukhumbhula amazwi awaye wathethile kubo. Wabaxelela ukuba uzoyisile izihendo zikaSatana waluzuza uloyiso ngokulingwa nokubandezeleka. USatana waye ngasenakuba nagunya phezu kwakhe, kodwa wayeza kuzitsolisela ngokungaphezulu phezu kwabo bonke abaya kukholelwa egameni lakhe. Kodwa babenako ukoyisa njengokuba yena oyisile. UYesu wabaxhobisa abafundi bakhe ngamandla okwenza imimangaliso, wabaxelela ukuba nakuba beya kutshutshiswa ngabantu abakhohlakeleyo, wayeya kuzithumela amaxesha ngamaxesha izithunywa zakhe ukuba zibahlangule; ubomi babo babunge nakukhutshwa ude umsebenzi wabo ufezwe; ngoko ke babengafuneka ukuba bazitywine ngegazi izinqhino ababezivakalisile.IL 215.2

    Abalandeli bakhe abanxubileyo baziphulaphula ngovuyo iimfundiso zakhe, beletyisa ngolangazelelo ilizwi ngalinye eliphuma emilebeni yakhe engcwele. Ngoku baazi ngokuqinisekileyo ukuba ungumSindisi wehlabathi. Amazwi akhe angena nzulu ezintliziyweni zabo, baza babalusizi kuba bemelwe kukwahlulwa kamsinya nomFundisi wabo wasezulwini bangabuye bawave amazwi athuthuzelayo namnandi aphuma emilebeni yakhe. Kodwa kwakhona iintliziyo zabo zafudunyezwa luthando novuyo oluncamisileyo, akuba uYesu ebaxelela ukuba uya kubalungisela iindawo zokuhlala abuye eze kwakhona abamkelele kuye, ukuze bahlale behleli naye. Wadinga kananjalo ngokuthumela umOnwabisi, uMoya oyiNgcwele, abakhokelele kuyo yonke inyaniso. “Waziphakamisa izandla zakhe, wabasikelela.” Luka 24: 50.IL 216.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents