Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 61—Ukuhlangulwa Kwabangcwele

    KWA kusenzulwini yobusuku ixesha uThixo aanyula Iona ukuhlangula abantu bakhe. Xa abangendawo babegculela macala onke kubo, ngesiquphe ilanga lavela, likhanya ngamandla alo onke, yema inyanga. Abangendawo bawukhangela lombono bekhwankqisiwe, ekubeni bona abangcwele bayikhangela ngovuyo olundilekileyo imiqondiso yokuhlangulwa kwabo. Imiqondiso nezimanga zalandelelana ngokukhauleza. Into yonke yaba ngathi iphumile emgaqweni wayo we- mvelo. Imilambho yapheza ukubaleka. Amafu angqingqwa, amnyama enyuka anqhubana. Kodwa kwa kukho ibalana elinye elicacileyo lobuqaqauli obuhleliyo, ekwaphuma kulo izwi likaThixo lifana namanzi amaninzi, lawazama-zamisa amazulu nomhlaba. Kwaba kho inyikima enkulu. Amanchwaba avuleka, baza aabo bafela enkolweni phantsi kwesigidimi sengelosi yesithathu, beyigcina iSabata, baphuma emandlalweni yabo yothuli, bezukisiwe, ukuba beve umnqophiso woxolo uThixo awayeza kuwenza kunye naabo bawugcinileyo umthetho wakhe.IL 367.2

    Isibhaka-bhaka savuleka sabuya savaleka sidubekile. Iintaba zagetyeza okwengcongolo emoyeni zikhupha amatye arabaxa macala onke. Ulwandle lwabila okwembhiza lwakhupha amatye lwawaphosa emhlabeni. Kwaza kwathi akuba uThixo ewuxelile umhla neyure yokuza kukaYesu wawuvakalisa nomqophiso ongunaphakade nabantu bakhe, wathetha intetho yanye, waza wanqumama, logama amazwi akhe ayezongoma ewutyhu-tyha wonke umhlaba. USirayeli kaThixo wema amehlo abo bewathe nzo phezulu, bephula-phula amazwi xa ayephuma emlonyeni kaYehova ezongoma ewutyhutyha wonke umhlaba ngokungathi zezona zandi ziphakamileyo zeendudumo. Kwa kundilekile ngokoyikekayo. Ekupheleni kwentetho nganye abangcwele badanduluka besithi, “Uzuko! Haleluya!” Ubuso babo babubanekiwe bubuqaqauli bukaThixo, baza babengezela bubuqaqauli njengoko babunjalo ubuso bukaMoses ukuhla kwakhe evela eSinayi. Abangendawo ababanga nakubakhangela ngenxa yobuqaqauli babo. Kwaza kwathi yakuba intsikelelo engenasiphelo ivakalisiwe phezu kwaabo baamhlonelayo uThixo ngokuyigcina ngcwele iSabata yakhe, kwaba kho indanduluko enkulu yoloyiso phezu kweramncwa naphezu komfanekiso walo.IL 368.1

    Waqalisa ke umnyaka wentlokoma, xa umhlaba wawuza kuphumla. Ndalibona ikhoboka elinentloneloThixo liphakama ngoloyiso nangokuvuyelela, liwavuthulula amakhamandela abe likhonkxile, logama inkosi yalo ekhohlakeleyo yayidubekile ingayazi into engayenzayo, kuba abangendawo babengenakuwaqonda amazwi ezwi likaThixo.IL 368.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents