Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 42—Iminyaka kaPaulos Yolungiselelo

    U-PAULOS waye ngumseb’enzi ongadinwayo. Wahambha futhi esiya kwiindawo ngeendawo, ngamanye amaxesha ephumela kwizithili ezinge nabubele, maxa wambhi emanzini, ephumela emvuleni nasesaqhwithini. Akavumelanga nanye into ukuba imthintele ekwenzeni umsebenzi wakhe. Waye ngumkhonzi kaThixo emelwe kukuphumeza intando yakhe. Ngelizwi lomlomo nangeencwadi wasihambhisa isigidimi esasoloko sisizisa amandla noncedo ebandleni likaThixo. Kuthi, thina baphila ekupheleni kwebali lomhlaba, isigidimi aasihambhisayo sithetha ngokucacileyo ngeengozi eziya kujinga phezu kwebandla, nangeemfundiso zobuxoki abantu bakaThixo abaya kuhlangana nazo.IL 278.1

    Kumazwe ngamazwe nakwizixeko ngezixeko waya uPaulos, eshumayela ngoKristu emisela namabandla. Naphina apho waye nokuphula-phulwa, wasebenzela ukuphikisa ubuxoki ajikele iinyawo zamadoda nabafazi endleleni yobulungisa. Aabo bathe ngokusebenza kwakhe bakhokelelwa ekumamkeleni uKristu, wabamisela balibandla. Nokuba babembalwa kangakananina ngenani, wakwenza oku. Akawalibalanga ke uPaulos lamabandla awamisela ngalendlela. Nokuba se lilincinane kangakananina ibandla, lali yinto ayikhathaleleyo nayinoneleleyo.IL 278.2

    Ubizo lukaPaulos lwafuna kuye inkonzo eyahlukileyo — ukusebenza ngezandla zakhe esebenzela impilo yakhe, ukumisela amabandla, nokuwabhalela iincwadi amabandla asel’emiselwe. Kanti phakathi kwalemisebenzi yahluka-hlukeneyo wathi, “Ke ndenza nto nye.” (Fllipi 3: 13.) Injongo inye awaye yigcine ngamandla ukuba isoloko iphambhi kwakhe — leyo yokuthembheka kuKristu, owathi, xa waye linyelisa igama lakhe esenza konke okwakusemandleni akhe ukwenza nabanye ukuba bamnyelise, wazityhila kuye. Eyona njongo inye inkulu ebomini bakhe yayi yeyokukhonza nokubeka lowo ugama lakhe lakha lamzalisa ngocukucezo. Okuphela komnqweno wakhe wawu kukuzuzela umSindisi imiphefumlo. UmJuda nowenTtlanga babe ngamchasa bamtshutshise, kodwa kwa kungekho nto ingamshenxisa enjongweni yakhe.IL 279.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents