Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    I Jerusalem Entsha

    Naantso iJerusalem Entsha, “inobuqaqauli bukaThixo,” isikhanyiso sawo “sifana nelitye elinqabileyo kakhulu, langa lilitye leyaspisi ebengezela njengekristale.” IsiTyhilelo 21: 11. Uthi uYehova, “Ndiya kugcoba ngeJerusalem, ndibe nemihlali ngabantu bam.” Isaya 65: 19. “Umnquba lo kaThixo unabantu; uya kuhlala nabo emnqubeni, bona babe ngabantu bakhe, yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo; azisule uThixo zonke iinyembhezi emehlweni abo, kungabi saba kho kufa, kungabi saba kho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.” IsiTyhilelo 21: 3, 4.IL 387.2

    Emzini kaThixo “akuyi kuba kho busuku khona.” Abakho abaya kufuna okanye abayakunqwenela ukulala. Akuyi kuba kho kudinwa ekwenzeni ukuthanda kukaThixo nasekunikeni indumiso egameni lakhe. Siya kusoloko sisiva ubutsha bentsasa sibe soloko sikude nokuphela kwayo. “Abafuni sibane, nakukhanya kwelanga, ngokuba iNkosi uThixo ibakhanyisela.” IsiTyhilelo 22: 5. Ukukhanya kwelanga kuya kushiyiselwa lubengezelo olungaphandli ngokubuhlungu, kodwa olukudlula ngendlela engenamlinganiselo ukubengezela kwemini yethu emaqanda. Ubuqaqauli bukaThixo nobemVana buwuzalisa umzi ongcwele ngokukhanya okungatshi-tshiyo. Abakhululwa bahambha ebuqaqaulini obungenalanga bemini engapheliyo.IL 387.3

    “Andibonanga tempile kuwo, kuba iNkosi uThixo uSomandla nayo imVana yitempile yawo.” IsiTyhilelo 21: 22. Abantu bakaThixo banelungelo lokuncokola ngokukhululekileyo noYise kwa noNyana. Ngoku “sikhangela esipilini ngokwamanakanibe.” 1 Korinte 13: 12. Sibona umfanekiso kaThixo uthiwe tyaba, ngokungathi kusesipilini, emisebenzini yemvelo nasekusebenzeni kwakhe nabantu; kodwa ngoko siya kumbona ubuso ngobuso, kungekho mkhusane wenza luzizi phakathi kwethu. Siyakuma phambhi kobuso bakhe sibubuke ubuqaqauli bobuso bakhe.IL 388.1

    Iingqondo ezingenakufa ziya kuyiqwalasela ngovuyo olungenasiphelo imimangaliso yamandla adalayo, neemfihlelo zothando olusindisayo. Akukho lutshaba lukhohlakeleyo lukhohlisayo lokubahendela ekumlibaleni uThixo. Onke amandla aya kwakheka, nawo onke amalungelo ongezwe. Ukufuna ulwazi akuyi kuyidinisa ingqondo okanye kuwaphelise amandla. Khona apho eyona misebenzi mihle iyaqhutywa, nezona njongo ziphakamileyo ziyafikelelwa, nawona mabhongo aphakamileyo aphunyezwe; kanti noko kuya kuvela imiphakamo emitsha ema inyukwe, nezimanga ezitsha ema zibukwe, neenyaniso ezintsha ema ziqondwe, nezinto ezintsha ezifuna amandla engqondo nawomphefumlo nawomzimbha.IL 388.2

    Kuthi ke yakuba iqengqeleka iminyaka kanaphakade, izise iintyilelo ezityebe ngakumbhi nezinobuqaqauli ngakumbhi zikaThixo nezikaKristu. Njengoko ulwazi luya kuba luqhubela phambhili, luya kuba kwanjalo uthando, nentlonelo, nokonwaba ukukhula. Okukhona abantu befunda ngoThixo, kokukhona baya kuya besibuka ngakumbhi isimilo sakhe. Akuba u- Yesu ebutyhila phambhi kwabo ubutyebi benkululo nezinto eziphunyeziweyo ezingummangaliso kwimpikiswano enkulu kunye noSatana, iintliziyo zabakhululweyo zibetha ngokuzinikela okongeziweyo, bazibethe iihadi ze-golide ngezandla ezomelele ngakumbhi; aze amazwi azizigidi zezigidi amanyane ekwenzeni intsholo yengoma enamandla yokudumisa.IL 388.3

    “Kananjalo zonke izidalwa ezisezulwini, naphezu komhlaba, naphantsi komhlaba, naphezu kolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, ndaziva zisithi, Kulowo uhleli etroneni, nakuyo imVana, ma kube kho ukubongwa, nembheko, nozuko, namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.” IsiTyhilelo 5: 13.IL 389.1

    Isoono nabooni azisekho ezo zinto, indalo kaThixo yonke icocekile, nempikiswano enkulu iphelile ngonaphakade.IL 389.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents