Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isithunywa Sityelela uKorneli

    Esathandaza njalo uKorneli, uThixo wathumela isithunywa sasezulwini kuye, esambiza ngegama. Umthetheli-khulu woyika, kodwa wazi ukuba isithunywa esi sithunyelwe ukuba simfundise, wathi, “Yintoni na Nkosi? Sithe ke kuye, Imithandazo yakho, namalizo akho anyukile, aba sisikhumbhuzo emehlweni kaThixo. Susa kwa ngoku amadoda, aye eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbhi linguPetros; yena ulundwendwe lukaSimon, umsuki wezikhumbha, ondlu ingaselwandle; yena lowo uya kukuxelela into omelwe kukuyenza.”IL 254.3

    Apha kwakhona uThixo wabonisa ukubaxabisa kwakhe abalungiseleli beendaba ezilungileyo, kwa nebandla lakhe elimiselweyo. Isithunywa sakhe sasingesiso esizakuxela ibali lomnqamlezo kuKorneli. Umntu, ofana kwanaye onobuthathaka bobuntu nonokuhendwa, nguye owayeza kumfundisa ngomSindisi obethelelwe emnqamlezweni, wavuka wanyukela emazuIwini. Isithunywa sasezulwini sasithunyelwe kuphela ukuba sidibanise uKorneli nomlungiseleli kaThixo, owayeza kufundisa indlela yokusindiswa kwakhe kunye nendlu yakhe.IL 255.1

    UKorneli wawuthobela lomyalelo ngovuyo, wathumela izigidimi kwa oko ukuba ziye kumfuna uPetros, ngokokuyalela kwesithunywa sezulu. Ukucaca kweziyalelo, ekwada kwaxelwa kuzo nomsebenzi wendoda leyo uPetros ahlala nayo okwa ngoko, kucacisa ukuba izulu liyayazi ngokupheleleyo imbhali nemisebenzi yabantu kuzo zonke iindidi zobubomi. UThixo uyazana nemisebenzi yemihla ngemihla yabasebenzi abathobekileyo, kwa njengalowo wokumkani ohleli etroneni yakhe. Ukubawa, nenkohlakalo, nezoono ezifihlakeleyo, nobugqolo babantu kuyazeka konke oku kuye, kwa njengezenzo zabo ezilungileyo, uthando, isisa, nobubele. Akukho nto ifihlakeleyo kuThixo.IL 255.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents