Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 52—Indanduluko Yasenzulwini Yobusuku

    “KE kaloku, akubona ukuba ulibele umyeni, zoozela zonke zalala. Phakathi kobusuku ke kwabakho umemezo oluthi, Naanko umyeni esiza; phumani niye kumkhaulela. Zaza zavuka zonke ezontombhi, zalungisa izibane zazo.” Mateyu 25: 5-7.IL 331.2

    Ngehlobo lika-1844 abaLindi bayiphaula imposiso ekubaleni kwabo kokuqala ithuba elixelwa sisiprofeto, bafikelela esigqibeni esisiso. Imihla e-2300 kaDanyeli 8: 14, ababe kholwa bonke ukuba ifikelela ekuzeni kwesibini kukaKristu, kwa kucingwe ukuba iphela ngentlakohlaza ka-1844; kodwa ngoku kwaqondwa ukuba elithuba liye laya kufikelela ekwindla kuwo loo mnyaka, zaza iingqondo zabàLindi zamila kwisigqibo sokuba eli lixesha lokubonakala kweNkosi. Ukuvakaliswa kwesi sigidimi kwaba lelinye inyathelo ekuzalisekeni komzekeliso womsitho, obesekubonakele ngokucacileyo ukunqhinelana kwawo namava abaLindi.IL 331.3

    Njengasemzekelisweni indanduluko yavakala enzulwini yobusuku ivakalisa ukufika komyeni, kwa ngokunjalo ke enzalisekweni, phakathi esazulwini sentlakohlaza ka-1844, xa kwathelekelelwa okokuqala ukuba iyaphela imihla e-2300, kwaza ukwindla kuka-1844, ixesha elafunyanwa kamva ukuba lelona iya kuphela ngalo, indanduluko enjalo, yavakaliswa, kanye ngamazwi esiBhalo: “Naanko umyeni esiza; phumani niye kumkhaulela.”IL 331.4

    Okomdolombha omkhulu lentshukumo yakhukula phezu komhlaba. Ukusuka kwesi isixeko ukuya kwesinye, kulelali ukuya kuleya, na kwada kwaba kwiindawo ezikude zelizwe yaaya, bada abantu abalindileyo bakaThixo bavuswa ngokupheleleyo. Ngaphambhi kolumemezo inkolo ebuphambhana yaphela, njengeqabaka yasekuseni lakuphuma ilanga. Amakholwa kwakhona azifumana iindawo zawo, laza ithembha nokukhalipha kwazivuselela iintliziyo zawo.IL 332.1

    Umsebenzi wawumsulwa kugabadelo olusoloko lwabakho xa kukho imvuseleleko ingekho impembhelelo elaulayo yeliZwi noMoya kaThixo. Wawufana ngesimilo nalawa maxesha okuzithoba nokubuyela kuYehova awaye landela kuSirayeli wamandulo izigidimi zokohlwaya ezivela kubakhonzi bakhe. Waba neempau eziphaula umsebenzi kaThixo kuwo onke amaphakade. Lwaluluncinane uchwayito olungqithisileyo, endaweni yalo kukukhulu ukugoca-gocwa kweentliziyo, nokuvunywa kwezoono, nokushiya ihlabathi. Ukulungiselela ukuhlangabeza iNkosi kwaba nguwona mthwalo wemiphefumlo esentlungwini. Kwa kukho ukuthandaza okuzingisileyo nokuzinikela okungenamda kuThixo.IL 332.2

    Indanduluko yasenzulwini yobusuku yayingavakaliswa kakhulu ngengxoxo, nakuba ubunqhina besiBhalo babucacile buphelele. Kwa kuhambha kunye nayo amandla anyanzelayo achukumisa umphefumlo. Kwa kungekho ntandabuzo, kungekho nambuzo. Ngesihlandlo sokungena kukaKristu ngoloyiso eJerusalem, abantu ababe hlanganisene bevela kwiindawo zonke zomhlaba beze esidlweni, bantontelana ukuya kwiNtaba yemiNquma, baza bakuba bethelele kwisihlwele esasipheleka uYesu, bayifumana impefumlelo yelixa elo bancedisa ukulwandisa umemezo oluthi, “Ma kabongwe lo uzayo egameni leNkosi.” Mateyu 21: 9. Kwaba kwanjalo kwabangakholwayo abantontelana ezintlanganisweni zabaLindi — abanye besiza kubona nje ukuba kwenziwa ntonina, abanye beze kuhlekisa nje, ukuweva kwabo amandla oyisayo ahambha nesi sigidimi sithi, “Naanko umyeni esiza!”IL 332.3

    Ngeloxesha kwakukho ukholo oluzisa iimpendulo emithandazweni — ukholo olwalukhangele ukwamkela umvuzo. Njengomkhumezelo wemvula phezu komhlaba onxaniweyo, uMoya wobabalo wehla phezu kwabafuni ngenyameko. Aabo babe lindele ukubonana ubuso ngobuso nomKhululi wabo baziva benovuyo olundilekileyo olungathethekiyo. Amandla athambhisayo, athobisayo oMoya oyiNgcwele ayinyibilikisa intliziyo, lakuba iliza emva kweliza lobuqaqauli bukaThixo lidlula phezu kwabathembhekileyo, abakholwayo.IL 333.1

    Ngenyameko nangokundilekileyo aabo basamkelayo esi sigidimi bafikelela exesheni ababethembhe ukuba baza kuhlangabeza iNkosi yabo. Umso ngamnye beva kuyimfanelo yabo ukufumana ubunqhina bokwamkeleka kwabo kuThixo. Iintliziyo zabo zazimanyene ngokusondeleneyo, bathandaza kakhulu kunye bathandazelana kananjalo. Babekholisa ukuhlangana kunye ezindaweni ezingasese ukuba badlelane noThixo, laye izwi lokuthandaza linyukela ezulwini liphuma emasimini nasemiyezweni. Isiqiniselo sokwaneliseka komSindisi sasifuneka kubo ngaphezu kwesonka sabo semihla ngemihla, kuthi ke ukuba kukho ilifu elisithe iingqondo zabo, bangaphumli lingadanga lisuswe. Bakuba bebuva ubunqhina bobabalo oluxolelayo, balangazelela ukumbona lowo bamthandayo.IL 333.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents