Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
Ibali Lenkululo - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Inkululeko Yomntu Ekunyuleni

    UThixo wabayalela abazali bethu bokuqala ngawo umthi wokwazi, kananjalo babazisiwe ngokuzeleyo ngokuwa kukaSatana, kwa nengozi yokuphulaphula izizindlo zakhe. Akazange abahluthe ilungelo lokudla isiqhamo esalelweyo. Wabashiya bezizidalwa ezikhululekileyo ngokwesimilo ukuba bakholelwe elizwini likaThixo, bathobele imithetho yakhe, baphile, okanye bakholelwe kumhendi, bangathobeli, batshabalale. Badla ke bobabini, baza ubulumko obukhulu ababuzuzayo baba lulwazi lwesoono nokuziva ubutyala. Ingubo yokukhanya eyayi bagubungele yathi shwaka, baza beziva ubutyala nokulahlekwa yingubo yabo yobungcwele, bangenelwa kukugodola, bazama ukuzambhathisa iziqu zabo ezize.IL 34.1

    Abazali bethu bokuqala banyula ukukholwa ngamazwi ababecinga ukuba ngawenyoka; ibe ke yayi ngazange ibanike zipho zakubonakalalisa uthando lwayo. Yayi ngabenzelanga nto yakubonwabisa nakubalungela, ekubeni uThixo yena waye banike zonke izinto ezilungele ukudliwa nezibukekayo emehlweni. Kuyo yonke into iliso elalinokuthi tyaba kuyo kwa kukuchuma nobuhle; kanti noko uEva walukuhlwa yinyoka, wacinga ukuba kukho nto ibandeziweyo engabenza balumke, ewe babe njengoThixo kanye. Endaweni yokukholelwa nokukholosa ngoThixo, wakuthandabuza ngokuzintloni ukulunga kwakhe wathakazelela amazwi kaSatana.IL 34.2

    Emva kokoona kukaAdam waziva kuqala engathi unyuselwa kwisimo esitsha nesiphakamileyo. Kodwa kwa kamsinya ingcamango yokreqo lwakhe yamoyikisa. Impepho eyayifudula ipholile, ifudumele, ngoku yabagodolisa. Lembhini inetyala yaziva inesoono. Baziva beloyika ikamva, baziva benentswelo, beno- buze bomphefumlo. Uthando olumnandi noxolo nokonwaba kokwaneliswa kwaba ngathi kushenxisiwe kubo, kwaza endaweni yako kwabakho ulangazelelo lwento ethile kubo abangazange babe nalo ngaphambhili. Bathi ke ingqalelo yabo bayijongisa okokuqala kokungaphandle. Babe ngambheswanga kodwa bethiwe jize ngokukhanya okunjengobezithunywa zezulu. Oku kukhanya okwakubagubungele kwemka ngoku kubo. Ukuphelisa ukuzibona kwabo ukuba baze abakuqondayo ngoku, iingqondo zabo zakhokelelwa ekubeni bazifunele ingubo yokufihla imizimbha yabo, kuba babe zakuma njani na pambhi kwamehlo kaThixo nawezithunywa zezulu behambha ze?IL 34.3

    Isoono sabo ngoku sacaca kubo njengoko sinjalo. Ukwaphula kwabo umthetho kaThixo obalulekileyo kwacaca ngoku kanye. UAdam wamsola uEva ngokumka kwakhe ecaleni kwakhe aze akhohliswe yinyoka. Bobabini bazithuthuzela ngokuthi uThixo, owabanika zonke izinto zokubonwabisa use nokukuxolela ukungeva kwabo ngenxa yothando lwakhe olukhulu nokuba isohlwayo sabo asisayi kuba nzima kakhulu kangako noko.IL 35.1

    USatana waqhayisa ngokoyisa kwakhe. Wayemhendile umfazi ngoku ukuba angamthembhi uThixo, akuthandabuze ukulumka kwakhe, azamele ukuphanda nzulu emacebeni akhe abubulumko kwaphela. Wathi ke ngaye wabanga ukuwiswa kukaAdam, owathi yena, ngenxa yokumthanda kwakhe uEva, wawaphula umyalelo kaThixo wawa kunye naye.IL 35.2

    Iindaba zokuwa komntu zavakala kulo lonke izulu — iihadi zonke zathi cwaka. Izithunywa zezulu zaziphosa phantsi izitsaba zazo ngenxa yosizi. Lonke izulu laba sekudandathekeni. Izithunywa zaba buhlungu yintswela-mbulelo ezintloni yomntu ukubuyekeza izipho ezityebileyo uThixo amlungiselele zona. Kwabizwa iqumru lokwenza isigqibo ngento ema kwenziwe yona ngalembhini inetyala. Izithunywa zoyikela ukuba baya kolula isandla badle kumthi wobomi baze ngako oko babange ukuba ubomi besoono bungaze buphele.IL 35.3

    UYehova wabatyelela ooAdam noEva wabazisa ngesiphumo sokungeva kwabo. Bakuba besiva isandi esinobungangamsha sokuza kukaThixo bazama ukuzimela emehlweni akhe, lowo babethanda ukudibana naye, ngeliya xesha babese bumsulweni bobungcwele. “UYehova uThixo wambiza uAdam, wathi kuye, Uphi na? Wathi yena, Ndive isandi sakho emyezweni, ndasuka ndoyika, ngokuba ndihambha zé. Wathi, Uxelelwe ngubani na, ukuba uhambha zé? Udlile na kuwo umthi, endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo?” Lombuzo wabuzwa nguYehova, kungengakuba wayefuna ukwazi, kodwa ngenxa yokufuna ukuzohlwaya kwembhini enetyala. Ubangwe yintoni na ukuba ube neentloni noloyiko? U-Adam wasivuma isoono sakhe, kodwa kungengakuba wayenosizi ngenxa yokungeva kwakhe okukhulu, kodwa ngenxa yokufuna ukubeka ityala kuThixo. “Umfazi owandinikayo ukuba abe nam, nguye ondinikileyo kuwo umthi, ndadla ke.” Kwabhekiswa ke kumfazi, kwathiwa: “Yintoni na lento uyenzileyo?” Uphendule wathi uEva, “Inyoka indilukuhlile, ndadla ke.”IL 35.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents